Umpu, imali neziyobisi ezithathwe ngamapolisa.
Image: SAPS
Abarhanelwa ababini abaneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) namashumi amathathu anesibini (32) babanjwe ngamapolisa aseNgcobo ngokuhlwa ngoMvulo wale veki. Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala ubanjwe ngezityholo zokufunyanwa neziyobisi nokuzithengisa, ngelixa umrhanelwa onamashumi amathathu anesibini (32) eminyaka ubudala ebanjelwe ukuthengisa iziyobisi nokuba nompu ongenampepha.
Amalungu eCandelo loThintelo loLwaphulomthetho (CPU) eNgcobo alandele iinkcukacha ezimalunga nelungu lasekuhlaleni elinompu ongenampephamvume kwaye likwathengisa neziyobisi.
Isithethi samapolisa, uKapteni Yolisa Mgolodela, uthi amapolisa eli candelo (CPU) aye kule dilesi ekumatyotyombe aseMaxeleqwini kwidolophu yaseNgcobo.
"Apho, badibana baza bathetha nomntu (32) ababemfuna. Amapolisa azichaza ukuba angoobani, axelela le ndoda isizathu sokutyelela kwawo, aza acela imvume yokwenza ugqogqo, yaye avunyelwa.
"Emva kokugqogqa le ndoda, kwafunyanwa iipakethi ezilishumi ezinetiki kwipokotho yasekunene yebhulukhwe yakhe, kwaza kwafunyanwa umpu omnye ufihlwe kwicala lasekhohlo lesinqe sakhe. Kukwafunyanwe nemali eyiR50. Umrhanelwa wabanjwa emva koko," utshilo uMgolodela.
Kwesinye isiganeko esingenanto yakwenza nesi sikhankanywe ngasentla, amapolisa aseNgcobo aye kwindawo yokuhlamba iimoto eElliot Road nalapho adibane nendoda eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala owathi ekumgqogqeni ngokwemvume yakhe, kwabhaqwa epokothweni esekunene ebhulukhweni ingxowa yeplastiki yemali eneepakethi ezilishumi elinesixhenxe (17) zetiki, iipilisi ezine kunye neR100.
UMgolodela uthi amapolisa abuza umrhanelwa ngezi ziyobisi nangemali, ekutyholwa ukuba wavuma ukuzithengisa. Emva koko wabanjwa ngoko nangoko.
Bobabini abarhanelwa baza kuvela phambi kwenkundla kaMantyi eNgcobo kungekudala.
UMkomishinala weSithili, uMajor General Rudolph Adolph, uvakalise ulwaneliseko lwakhe ziinzame zamapolisa aseNgcobo zokususa imipu engekho mthethweni ezitalatweni kwanokuzinikela kwawo ekusekeni uluntu olungenaziyobisi.