Imipu emibini umrhanelwa ebanjelwe ukuba nayo ngokungekho mthethweni.
Image: SAPS
Amapolisa esithili saseOR Tambo athimbe imipu emibini engenazimpepha neembumbulu, abamba umrhanelwa (42) eMampondomise.
Eli phulo, neliqhutywe bubuntlola obuqokelelweyo, lenziwe ngorhatya lwangoMvulo wale veki kwaye, ngokokutsho kwengxelo yamapolisa, liqaqambisa ugxininiso lwamapolisa ekususeni izixhobo ezingekho mthethweni eluntwini.
Amapolisa aseNgqeleni ngokusebenzisa isigunyaziso sokugqogqa agqogqa umzi womrhanelwa afumana umpu wohlobo lwePistol iStar 9mm oneembumbulu ezimbini kunye nompu weFlywheel Revolver ongenambumbulu, ngokokutsho kwesithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo.
Kuthiwa yomibini imipu ineenombolo zesiriyeli ezicinyiweyo futhi umrhanelwa akanazo iimpepha zompu ezimgunyazisayo ukuba abe nemipu enjalo.
Umrhanelwa ubanjwe kwangoko kwaye uza kuvela phambi kwenkundla kamantyi yaseNgqeleni ngoLwesithathu umhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyoMnga 2025 ngezityholo zokuba nemipu engekho mthethweni nokuba neembumbulu ngokungekho mthethweni.
UMkomishinala wesithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uwaqhwabele izandla amapolisa aseNgqeleni ngokuzinikezela kwawo ngokungagungqiyo ekwenzeni isithili saseOR Tambo sibe yindawo ekhuselekileyo ngokuphelisa imipu engekho mthethweni esetyenziswa ikakhulu ekwenzeni izenzo zolwaphulomthetho ezinobuzaza nezinobundlobongela.