Amapolisa aseNgqamakhwe aphanda ngesiganeko sokusela kwabantwana utywala eNgqamakhwe.
Image: Screenshot
Amapolisa aseNgqamakhwe avule ityala kulandela ukusasazeka kwevidiyo ebonisa abantwana abasebancinci besela utywala ngemini yeKrisimesi.
Isithethi samapolisa, uBrigadier Nobuntu Gantana, uthe ngoLwesibini umhla wamashumi amathathu kweyoMnga 2025, abaphandi bamapolisa bayifumene ngempumelelo indawo yesiganeko nelikhaya elikwingingqi yaseKhothane, eSantini, eNgqamakhwe.
Esi sehlo kutyholwa ukuba sibandakanya abantwana abahlanu, oneshumi elinesibini leminyaka ubudala, ababini abaneminyaka elishumi elinanye, nababini abaneminyaka esibhozo.
Ngenxa yoko, uGantana uthe ityala libhalisiwe ngenxa yokwaphulwa komthetho weNational Liquor Act (uMthetho 59 ka2003) – ngokukodwa ukubonelela okanye ukwenza utywala bufumaneke kubantwana abancinci.
"Eli lityala elinobuzaza phantsi komthetho waseMzantsi Afrika," utshilo uGantana.
Akukabanjwa mntu okwangoku. Lwakuba lugqityiwe uphando, idokethi letyala liya kungeniswa kwiOfisi yoMlawuli woTshutshiso loLuntu ukuze kuthathwe isigqibo malunga nendlela eya phambili.
"Umthetho iNational Liquor Act ukho ukukhusela impilontle yabantwana, kwaye nabani na ofunyenwe ekhuthaza ukusela kwabantu abangaphantsi kweminyaka esemthethweni uya kujongana nengalo yomthetho.
"Sibongoza abazali, abagcini babantwana, namalungu oluntu ukuba asebenze ngokuthembekileyo kwaye abeke phambili ukhuseleko lwabantwana ngamaxesha onke," utshilo uGantana.
ISebe loPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni nalo lisikhalimele esi sehlo laqinisekisa ukuba liza kusiphanda.