Iindaba

ISebe lezeMpilo laseMpuma Koloni liphendula ngokulala kwabasebenzi emsebenzini

Cwayita Nondula|Published

Umsebenzi we-EMS ophendula iminxeba elele emsebenzini.

Image: Screenshot

ISebe lezeMpilo eMpuma Koloni livakalise inkxalabo yalo ngevidiyo nemifanekiso ejikeleza kumakhasi onxibelelwano ebonisa abasebenzi abaphendula iminxeba beenkonzo ze-Emergency Medical Services (EMS) eNelson Mandela Bay belele emsebenzini.

UMlawuli wezoNxibelelwano kwiSebe lezeMpilo laseMpuma Koloni, uSiyanda Manana, kwividiyo epapashwe kwikhasi likaFacebook leSebe, uthe iSebe lifumanise ukuba imifanekiso neevidiyo zindala kuneenyanga ezintandathu xa kujongwa ezinye iimpawu ezikwimifanekiso.

"Kucacile ke ngoko ukuba le mifanekiso midala kwaye injongo yokuyisasaza ngeli xesha inokuba yinxalenye yephulo lokunyelisa iSebe," utshilo uManana.

ISebe likwayigxekile indlela yokuziphatha eboniswe kule vidiyo kwaye lathi ayihambelani nemigangatho ephezulu yonikezelo lweenkonzo elizama ukuyithobela.

Kule vidiyo, abasebenzi balele emsebenzini.

Uphononongo lwangaphakathi lokuqala luyaqhubeka ukuze kufumaneke isizathu esipheleleyo sevidiyo ngokutsho kweSebe.

"Ngelixa abasebenzi benelungelo lekhefu elimiselweyo, ukulala okanye ukutya kwiindawo zokusebenzela kunokusebenzisa iindawo ezimiselweyo kukwaphulwa kwemigaqo yomsebenzi. Kwangaxeshanye, iSebe lijongene nokuziphatha komsebenzi orekhode waza wasasaza le vidiyo," uqinisekise watsho uManana.

ISebe liyigxininise into yokuba lizibophelele ekuthatheni amanyathelo oluleko. "Sizibophelele kuhlaziyo lwenkqubo.

"Sithetha nje sigqibezela isicwangcisonkqubo sokuqeqeshelwa imisebenzi yeziko lonxibelelwano le-EMS, eliya kuthi lilungelelanise imisebenzi yethu nezona nkqubo zingcono zamazwe ngamazwe. Oku kuquka ukongamela okuphuculweyo, inkxaso yempilo yengqondo kwimisebenzi yoxinzelelo oluphezulu, kunye nobuchwepheshe bokuhambisa iinkonzo," utshilo uManana.

Uluntu luyabongozwa ukuba luqhubeke nokusebenzisa iinombolo (10177 no112) ukuxela iimeko ezingxamisekileyo.