Intombazana eneminyaka emithandathu ubudala isesibhedlele emva kokutshayiswa yimoto.
Image: Gerd Altman/Pixabay
Intwazana eneminyaka emithandathu ubudala ilwela ubomi bayo esibhedlele emva kokuba itshayiswe yimoto ngeKrisimesi eLusikisiki.
Le ntwazana kuthiwa yonzakele kakhulu entloko yaze yabalekiselwa esibhedlele ukuze ifumane unyango.
Isithethi seSebe lezoThutho laseMpuma Koloni, u-Unathi Binqose, uthe esi siganeko sibuhlungu ngeendlela ezininzi. "Ixhoba ngumntwana oze ngobuso elizweni kwaye nosuku ekwenzeke ngalo oku ngumhla weKrisimesi. Iingcinga zethu nemithandazo ikunye nomntwana nosapho lwakhe," utshilo uBinqose.
UBinqose ukwamkele ukuziphatha okubonakaliswe ngumqhubi obandakanyekayo kwesi siganeko owathi wamisa imoto yakhe wasa umntwana esibhedlele. "Emva koko wabika isehlo esi kwabomthetho. Le ndlela yokuziphatha enoxanduva nethobela umthetho ifanele ukunconywa ngenxa yeziganeko zokutshayisa emva koko kushiywe amaxhoba ezixhaphakileyo eMpuma Koloni," utshilo uBinqose.
Kwenzeke isiganeko esifana neso kutshanje, apho inkwenkwana eneminyaka esibhozo ubudala ibethwe yimoto ngethuba izama ukuwela indlela eAmalinda, eMonti yabhubha. Umqhubi obandakanyekayo kwesi siganeko akazange amise imoto kwaye abasemagunyeni basamkhangela.
UBinqose umemelele abaqhubi ukuba bathathe uxanduva xa bezibona bekwiziganeko ezinje. "Ukushiya umntwana okanye nabani na othe wambetha ngemoto yakho ukuba abhubhe asilotyala kuphela kodwa yinkohlakalo," utshilo.