Iindaba

Bangaphaya kwamashumi amathandathu abantwana abazelwe eMpuma Koloni ngosuku lweKrisimesi

Cwayita Nondula|Published

UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa, utyelele oomama neentsana zabo ngosuku lweKrisimesi.

Image: ECDoH

Bangaphaya kwamashumi amathandathu (69) abantwana abazalwe eMpuma Koloni ngosuku lweKrisimesi – amashumi amathathu ananye ngabantwana abangamantombazana, amashumi amathathu anesibhozo bangamakhwenkwe.

Namhlanje, uMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa, utyelele isibhedlele iSt Elizabeth eLusikisiki ukuza kwamkela iintsana ezizalwe ngomhla weKrisimesi kweli ziko lezempilo.

Kolu tyelelo, uMphathiswa ukwanikezele ngezipho ezixhaswa yiFuture4Baby, ezibonelela ngezinto eziyimfuneko ukuxhasa oomama neentsana zabo ezisandul’ ukuzalwa ngexesha leziyunguma.

Eli Sebe lithi olu tyelelo luyinxalenye yephulo lalo elibizwa ngokuba yiChristmas Maternity Support Drive, elijolise ekubuyiseleni isidima nokunikezela ngononophelo koomama neentsana ezisesichengeni kwiphondo liphela.

Ethetha neentatheli, uCapa uthe malunga nokukhulelwa kwabantwana abancinci, abayikhuthazi loo nto kodwa iKrisimesi lusuku lokubuyisela njengoko bezise izipho.

Izipho ezinikwe oomama neentsana ngosuku lweKrisimesi.

Image: ECDoH

"Ingingqi yaseOR Tambo neAlfred Nzo zezona ndawo zihlwempuzekileyo, abantwana abazelweyo bazalwa kumakhaya angathathintweni, sizokuncedisana nalo makhaya ukuqinisekisa xa sele umntwana, noba uzalelwe kweziphi iimeko, mayingathethi ukuthi naye makabe kulo meko, sizobanika ezo zipho ke namhlanje," utshilo uCapa.

UCapa uqinisekisile ukuba kubantwana abazelweyo, uninzi lwabo luzalelwe kwisithili saseNelson Mandela, kulandele iOR Tambo kunye neAlfred Nzo. "Kunyaka ophelileyo bekukho amantombazana amaninzi, kulo nyaka kukho amakhwenkwe amaninzi," utshilo.

UMphathiswa ukwathe abantwana abaneminyaka ephakathi kweshumi elinesihlanu neshumi elinesithoba abazeleyo balishumi elinesithandathu bebonke kulo lonke iphondo.

"Ayilonani esizingca ngalo kodwa siza kubona siliSebe ukuba singenza ntoni ngoba xa uthetha ngabantwana abakwishumi elinesihlanu neshumi elinesithandathu lo nto ithetha ukuba ingalo yomthetho mayidlale indima yayo.

"Siza kuqinisekisa ukuba siyayidlala indima yethu kwaye sibandakanya neSebe loPhuhliso loLuntu," utshilo uCapa.