Uvele enkundleni eMonti owavula ityala lobuxoki.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Owasetyhini (60) uvele phambi kwenkundla kamantyi waseMonti ngoLwesibini ngezityholo zokuxoka, emva kokuba evule ityala lokuphanga kwisikhululo samapolisa saseCambridge ngeCawe, umhla weshumi elinesine kweyoMnga 2025.
Isithethi samapolisa uKapteni Mluleki Mbi uthi ngokwengxelo efungelweyo yenkosikazi, utyhola ukuba ebekudederhu lweevenkile eHemingways malunga necala emva kwentsimbi yeshumi kusasa eyokufaka imali yerenti ngethuba ekhuthuzwa ekhonjwe ngompu.
UMbi uthi ikhamera yeCCTV yodederhu lweevenkile khange isiqinisekise isityholo sakhe kwaye wabuzwa imibuzo ngakumbi. "Kamva kwavela ukuba akuzange kubekho siganeko sokuphanga kwasekuqaleni," utshilo uMbi.
UMkomishinala weSithili saseBuffalo City, uMajor General Christopher Wright, ulumkise uluntu ukuba lungawaxeli amatyala obuxoki kuba oko kuphazamisa izixhobo ezibalulekileyo ekuphandeni amatyala olwaphulomthetho.
"Ukuba nabani na ufunyaniswa enetyala lokuxoka, uya kufumana isohlwayo okanye avalelwe entolongweni ixesha elingadlulanga iminyaka emibini okanye afumane zozibini – isohlwayo nokuvalelwa entolongweni," utshilo uMajor General Wright.