Inkwenkwe (8) itshayiswe yimoto yabhubha eAmalinda eMonti.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Inkwenkwe eneminyaka esibhozo ubudala iphulukene nobomi bayo emva kokuba itshayiswe yimoto ngethuba izama ukuwela indlela eAmalinda eMonti, izolo, ngoMvulo, nalapho kutyholwa ukuba umqhubi uye wabaleka akamisa imoto.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seSebe lezoThutho eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose, kutyholwa ukuba umntwana utshayiswe yimoto ehamba yedwa ezama ukuwela indlela.
"Ubhubhele kwindawo yexhwayelo. Umqhubi wemoto akazange amise, wabaleka, eshiya umntwana ebhubhile," utshilo uBinqose.
UMphathiswa wezoThutho eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, usikhalimele esi sehlo. "Ukulahlekelwa ngumntwana oneminyaka esibhozo ubudala kwisiganeko esingenangqiqo ngolo hlobo kubuhlungu kwaye kuyakhathaza kakhulu. Akukho sapho kufuneka lunyamezele olu hlobo lwentlungu, ngakumbi ngenxa yesenzo sokungakhathali nesingenabuntu.
"Ndigxeka kabukhali umqhubi obaleke kwindawo yexhwayelo endaweni yokuthatha uxanduva afune uncedo," utshilo uMphathiswa.
Uqhube wathi: "Ndicela nabani na onolwazi ukuba eze ngaphambili ukuze kubekho ubulungisa, kwaye ndibongoza bonke abaqhubi beemoto ukuba bakhumbule ukuba iindlela zethu kufuneka zikhusele abona bantu basesichengeni phakathi kwethu, ingakumbi abantwana bethu."
Abasemagunyeni babongoza nabani na onolwazi olunokunceda ekufumaneni imoto okanye umqhubi obandakanyekayo kwesi sehlo ukuba eze ngaphambili.
ISebe likwabongoza abazali, abagcini babantwana kunye nabo bonke abantu abadala ukuba babeke iliso ebantwaneni futhi babancedise xa bewela indlela, ngakumbi kwiindawo zokuhlala.