Amasongololo agcwele indawo yaseNgxongweni, eSajonisi.
Image: Screenshot
Abahlali baseNgxongweni eSajonisi bashiyeke bebambe ongezantsi emva kokufuduka kwamasongololo amaninzi kula mmandla – imithi, iindonga nemizi igcwele amasongololo erhubuluzayo.
La masongololo anombala ongaqhelekanga, amhlophe, kwaye ngokweengxelo, abanye abahlali bashiye amakhaya okwethutyana ngenxa yale ngxaki intsha.
Ethetha neSABC, umninimzi, uGalili Ndabeni, uthe bothukile kukubona inqwaba yamasongololo egqume iindonga, amatanki amanzi, izindlu kunye namaphahla. "Sazama ukuwatshayela [amasongololo]. Kwafuneka sibilise amanzi ukuze siwabulale kodwa soyisakala. Ezinzulwini zobusuku sanikezela, kwafuneka sibize abantu ukuba basincede," utshilo uNdabeni.
Omnye umhlali, uVumile Zimela, uxelele iSABC ukuba bamangalisiwe sesi siganeko kodwa esifana naso senzeka ngo1959. "Asazi apho avela khona. Kuba ayakwazi ukuhamba engceni, endleleni futhi ayakwazi nokukhwela emithini," utshilo uZimela.
Nangona kunjalo, nokuba umbi kangakanani umboniso wala masongololo, omnye umhlali, uNocawe Ndabeni, uthi yindalo kwaye abanakuyidibanisa nenye into.
Ingcali yokusingqongileyo, uMfundo Maqubela, uthe iimeko zilungele amasongololo xa kufumile kwaye kumnyama kulo ndawo. "Amaqanda ayaqandusela kwaye amasangololo amancinci ahambe esuka kwenye indawo aye kwenye ezama ukukhangela ukutya kwaye ndicinga ukuba le yimeko eyenzekayo apha," utshilo uMaqubela.
Kuthiwa isebe lezolimo lithumele amagosa ukuba alawule ukunwenwa kwala masongololo kule ndawo.