Iindaba

Umama wakwaGxarha uphila ngomsebenzi wezandla zakhe eMorgans Bay Hotel

Pedro Mapelo|Published

Umama uNodludaka Nombaku uphila ngokuthengisela abakhenkethi eMorgans Bay Hotel.

Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa

Uminyakeni engaphezulu kweshumi elinesihlanu, umama ogama linguNodludaka Nombaku wagqiba kwelokuba asebenzise izandla zakhe ukuze kulale kutyiwe ekhaya. Oku kwenzeka emva kokuba waphelelwa ngumsebenzi emakhitshini.

Umam' uNombaku wenza iibhasikithi ezintlobo ntlobo, izithembe, izipaji, iingxowa ezihonjiswe ngentsimbi aphinde ahlohle iintsimbi ngokwahlukana kwazo. Ukuthengisa wayekwenza ngamaxesha athile ngoba wayenayo into engenayo esasebenza - kodwa kwanyanzeleka ukuba axeze mphini wumbi akuphelelwa ngumsebenzi.

Naye uphakathi kwabantu abathengisela abakhenkethi eMorgans Bay Hotel ephezu kolwandle. "Ndithengisa iibhasikithi, izinto zokubeka iziqhamo, izikhwama zokufaka imali neengxowa zehombo neentsimbi endizihlohlileyo apha eMorgans Bay Hotel," utshilo umama wakwaNombaku.

"Ekukhuleni kwakhe zange akuthathe ukuthengisa izinto azenze ngezandla zakhe njengento angaphila ngayo. "Ukuqiniseka ngokwezi ezi zinto ndikuqale ngonyaka ka2010. Oku kwenzeka emva kokuyeka kwam ukusebenza emakhitshini," utshilo ethetha neli phephandaba.

"Ndakhula sithengisa nje - kodwa ndathi ndakuphelelwa ngumsebenzi, ndaqonda ukuba mandizimisele ekuhlohleni iintsimbi. Imali apha siyifumana xa kufike abakhenkethi. Akuthengwa kakhulu phakathi enyakeni - kodwa ngoku kufuneka siqiniseke ngoba lixesha labo.

"Umntu uyakwazi ukufika athi makenzelwe izinto ezininzi ngokwahlukana kwazo. sitsho sifumane imali ngolo hlobo," utshilo umam'uNombaku ngomhla ekuphehlelelwe ngawo isizini yokhenketho emsithweni obubanjelwe eMorgans Bay Hotel ekuqaleni kwale nyanga yoMnga.

Bonke njengokuba bethengisa umsebenzi owenziwe ngezandla baxhomekeke kubakhenkethi abafika kwihotele abathengisa kuyo eGxarha Village. Nakubeni umnikazi wehotele ebavumela bathengisa izinto zabo - kodwa bayonakalelwa xa kusina iimvula zehlobo ngoba abanazo iindawo ezikhuselekileyo zokubeka iimpahla zabo.

"Ndisebenzela endlini yam emva koko ndizithwale ndize nazo apha. Sizibeka phantsi kanje ngoba asinandawo ekhuselekileyo. Xa kusina imvula kuba nzima. Imvula isiphatha kakubi ngexesha esixakeke ngalo. Njengokuba sizibeka engceni izinto zethu, xa kumanzi ziyonakala.