Iindaba

Lifunqulwa ngabakhenkethi ishishini likamam' uNofoto Mkhuthukana

Pedro Mapelo|Published

UNofoto Mkhutukane waseGxarha Village uphula ngokuthengisa izinto azenzileyo kubakhenkethi eMorgans Bay Hotel.

Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa

Ishishino lokuthengisa izinto ezenziwa ngezandla alilulanga - kodwa lona liyamvuza kakuhle umntu xa kufike ixesha. Omnye woomama abathengisa izinto abazenze ngezandla zabo, uNofoto Mkhuthukana, uchubele I'solezwe lesiXhosa ngamahlandinyuka eshishini labo.

UMam' uMkhuthukana wenza iingobozi, izithebe neebhasikithi ngezandla zakhe. Yinto awayifunda kunina esemncinane kwindawo yakwaGxarha kufutshane nendawo engaselwandle enomtsalane kakhulu kubakhenkethi baphesheya ekuthiwa yiMorgans Bay Hotel.

Izinto zakhe azithengwa yonke imihla ngoba ukude edolophini - kodwa akakhali ngoba ulala encumile xa kufike ixesha leeholide ngoba ishishini lakhe lifunqulwa ngabakhenkethi. "Ndenza iibhasikithi endizithengisa apha eMorgans Bay Hotel," utshilo umam' uMkhuthukana encokola nentatheli yeli phephandaba ngomhla ebekuphehlelwa ngawo isizini yokhenketho eMorgans Bay Hotel.

Ukhenketho yintsika yoqoqosho leMpuma Koloni eqhayisa ngolwandle olunamanzi ashushu, iindalo emangalisayo equka iingxangxasi neendawo ezigcina izilwanyana ezikhulu. Njengokuba eneminyaka engaphezulu kwamashumi amathandathu, ayikho enye into ayaziyo ngaphandle kokuziphilisa ngomsebenzi ophuma ezandleni zakhe. Zonke izinto anazo ziphuma ekuthengiseni.

"Andisawazi nonyaka endaqala ngawo ukwenza ezi zinto ngoba ndandiseyintombi ngelo xesha. Ndiphila ngokwenza ezi zinto nabantwana bam ndifundise ngemali endiyifumana kuzo," utshilo uMkhuthukane esifike exakekile esenza isithebhe sodidi oluphezulu esinziwe ngemizi - kodwa ngobuchule ebuncumisayo.

Noxa kubamnandi kubo xa kufika ixesha lokufika kwabakhenkethi, into eyingxaki kakhulu kubo kukungabinayo indawo ekhuselekileyo yokubeka iimpahla zabo abazithengisayo. Ehlotyeni izinto zabo ziyamoshakala xa kusina iimvula. Ishishini labo liyabetheka ngoba izinto ezithengiswayo zibekwa phantsi ebaleni.

"Ingeniso siyifumana kakuhle ngexesha leeholide. Siza kuba nemali njengokuba kusondela iiholide zokuphela konyaka. Senza imali xa kufike abakhenkethi apha ohetele. Ayikho enye indawo esithengisa kuyo ngoba sihlala apha.

"Eyona nto esisokolisayo apha kakhulu kukungabinayo indawo ekhuselekileyo yokubeka iimpahla zethu esizithengisayo. Xa kunetha kuyanyanzeleka sigoduke ngoba asinayo indawo yokusithela," uvale ngaloo mazwi umama wakwaGxarha.