Iindaba

UMalema uthi iEFF iza kugxila eMpuma Koloni kunyulo loomasipala oluzayo

Pedro Mapelo|Published

UJulius Malema, oyinkokeli ye-Economic Freedom Fighters, uzityityimbisele umnwe iinkokeli zombutho wakhe eMpuma Koloni.

Image: EFF / X

Njengokuba kusondela ulonyulo loomasipala kunyaka ozayo, amaqela ezopolitiko sele eqalile ukwenza amalungiselelo. Iphondo leMpuma Koloni lelinye lamaphondo aza kube ejongwe kakhulu ngenxa yokuqhwalela kweenkonzo zoluntu okungade kuphucuke ngendlela eyanelisayo.

Lo nto yenza kubekho umtsalane kumaqela ezopolitiko afana nayo iEconomic Freedom Fighters (EFF) efuna ukunyusa inkxaso yayo kunyulo oluzayo. Ethetha neentatheli kutshanje, uJulius Malema uthe iEFF iza kugaya ivoti ngamandla eMpuma Koloni kunyaka ozayo.

Nangona uMalema ebona ithuba lokukhula kombutho wakhe - kodwa uzityityimbisele umnwe iinkokeli zayo iEFF ephondweni ngelithi ziza kukhonjwa emnyango ukuba zilibele bubuvila. "Siza kulwa kulonyulo loomasipala," utshilo uMalema okholelwa ukuba iEFF isemngciphekweni wokuwa ukuba ayiphuculi indlela eyenza ngayo emva kokubetheka kulonyulo lukazwelonke kunyaka ophelileyo.

Emva kokuqhokreka ngenxa yokuxhaswa koMkhonto Wesizwe Party kunyaka ophelileyo kwiphondo laKwaZulu-Natal, uMalema ufuna ukunyusa inkxaso ye-EFF ngokwenza kakuhle eMpuma Koloni. "Siza kugxila eMpuma Koloni kunyulo oluzayo. Sekulithuba elide silele kwela phondo. Asizukwazi ukunyamezela iinkokeli ezingamavila.

"Ukuba aziwunyusi umxakatho, ziza kuyibukela (iEFF) ecaweni kaZondo. Asizukwazi ukugcina abantu abenza umsebenzi ongonelisiyo," utshilo uMalema. Kulonyulo lonyaka ophelileyo, iEFF iqhube kakuhle ephondweni ngoba ifumene iivoti ezisondele kumakhulu amabini amawaka (182 809). Iza kujamelanga neAfrican National Congress ebifumene iivoti ezingaphezulu kwesigidi (1 118 028) eMpuma Koloni.

Akukacaci nokuba ukuhamba kweenkokeli eziquka uFloyd Shivambu kuza kuba nefuthe elinjani na. Ukugxila kwe-EFF kwiphondo leMpuma Koloni akothusi ngoba kunokwenzeka ukuba ibona ithuba lokufumana iiwadi noomasipala abathile engafumana ulawulo kubo.

Kodwa kwelinye icala, kungenzeka ukuba isigqibo sayo sibangelwa kukuhla kwenkxaso yayo kwiphondo laKwaZulu-Natal ekutshila umbutho kwalowo wayenguMongameli welizwe, uMnu. Jacob Zuma.