Iindaba

UDJ Warras ukhe wagrogriswa phambi kokubulawa

Cwayita Nondula|Published

UWarrick "DJ Warras" Stock wagrogriswa emva koko wakhupha umyalelo wokhuseleko ngakubantu abahlanu phambi kokuba abulawe ngoLwesibini.

Image: IOL

UWarrick "DJ Warras" Stock wayenemiyalelo emihlanu yokhuseleko (protection order) ngakubantu abahlanu ababehlala kwisakhiwo esasithinjwe eGoli emva kokuba egrogrisiwe ngaphambi kokubulawa kwakhe.

Oku kudizwe nguMMC waseGoli weSebe loKhuseleko loLuntu, uGqirha Mgcini Tshwaku, ngethuba ethetha neSABC. Uthe isiqingatha sabantu abahlala kwisakhiwo iZambesi House besingayihlawuli imali yerenti kwaza kwabizwa uStock ukuba enze amanyathelo okhuseleko nanjengoko enenkampani yoonogada.

"Inkampani yakhe iqale ukusebenza apho kweyoKwindla walo nyaka. Ubesoloko esiya kweso sakhiwo kodwa ebenengxaki nabantu abambalwa – ungababiza ngokuba yikomiti yaloo ndawo," uTshwaku uxelele iSABC.

UTshwaku uthe ngoLwesibini, uStock uye kwisakhiwo nenye inkampani eyayiza kufaka izixhobo zokhuseleko kweso sakhiwo. "Waya kubonisa inkampani eyayiza kufaka izixhobo zokhuseleko, kulapho ke wahlaselwa khona," utshilo.

UTshwaku uqhubeke wathi unamagama abantu abahlanu athe uStock wakhupha umyalelo wokhuseleko ngakubo nabahlala eZambesi House. "Wayegrogriswa ngaba bantu. Namhlanje (ngoLwesithathu), iTRU iza kubancwina ngemibuzo abo bantu," uqinisekisile uTshwaku.

Uchaze ukubulawa kukaStock njengento ebicwangcisiwe kuba ebekhe wagrogriswa. Ukwaqinisekisile ukuba abasemagunyeni bakhangela ababulali bakaStock ababonwe kwikhamera yeCCTV.

UDJ Warras, njengoko uStock wayesaziwa, wayenguDJ nomsasazi osebenzele izikhululo zikanomathotholo ezifana neYFM, 5FM, ukukhankanya nje ezimbalwa, kunye nenkqubo yomculo eyayithandwa iLive Amp kuSABC 1. Udutyulwe wabulawa ngoLwesibini emva kwemini.

Uphando lusaqhuba kwaye akukabanjwa mntu.