Abantu abane badutyulwe babhubha kwilokishi yaseWalmer, eGqeberha.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Kudutyulwe kwabhubha abantu abane kwilokishi yaseWalmer eGqeberha ngorhatya lwangoLwesibini.
Kukwavakala ukuba abanye abane benzakele.
Amapolisa athi esi sehlo senzeke kwiindawo ezintathu ezohlukeneyo kwaye aphanda ukuba ezi ziganeko ziyelelene na.
Amapolisa asaphanda ngoku.
Iinkcukacha ezithe vetshe ziya kudizwa xa sele zikho.