Ibambela leNkulumbuso uZolile Williams esenza intetho ephambili kumsitho woSuku loXolelwaniso kuKomani.
Image: ECOPT
Ngethuba urhulumente wephondo leMpuma Koloni ebebhiyozela usuku loxolelwaniso kuKomani, ukwathathe ixesha lokunika imbeko kwabo bathe baphulukana nobomi babo kwiziganeko ezilishumi elinesibini ezirekhodiweyo zempalalo gazi eziye zenzeka kwiphondo liphela.
Kumsitho obubanjelwe eTobi Kula Indoor Sports Centre kuKomani ngale ntsasa, ibambela leNkulumbuso yePhondo, uZolile Williams, wenze intetho ephambili ngolu suku.
Umxholo walo nyaka wosuku loxolelwaniso ubusithi "uqinisekisa kwakhona uxolelwaniso kwizizukulwana ezizayo."
UWilliams unike imbeko abo babhubhayo kwiziganeko ezahlukeneyo zempalalo gazi kulo lonke elaseMpuma Koloni. Ugxininise ukubaluleka kokunika ingqalelo amaxhoba, ukumamela iintsapho, nokuqinisekisa ukuqatshelwa nenkxaso elinganayo kulo lonke uluntu oluthe lwachaphazeleka kwezi ziganeko, ingakumbi uluntu olungahoywanga ngokwembali.
Ukwamemelele ukuba kusekwe iqonga lasephondweni lokujongana neziganeko zempalalo gazi (Provincial Massacre Forum) ukomeleza ulungelelwaniso, ukuqhuba iingxoxo nenkxaso yexesha elide.
"Uxolelwaniso luthetha ukujongana nenyaniso, ukubuyisela isidima, nokwakha ikamva apho kungekho luntu lushiyekela ngasemva," utshilo uWilliams.
Uqhube wathi kufuneka siguqule "imbali yethu ebuhlungu ibe sisiseko somanyano, ubulungisa nokwabelana ngempumelelo."
Ngaphambili, ngethuba ethetha neSABC, uthe ukuvula amatyala okuphanda ezi ziganeko zingenalusini yinxalenye yeenzame zikaRhulumente zokujongana nazo.
"Ukuvula amanye amatyala ukuqonda ukuba aba bantu basweleke njani kuba ezinye zeentsapho zalahlekiswa zaxelelwa amalungu azo azibulala kodwa iintsapho ziyazi ukuba awasoze azibulale. Yiyo loo nto siphinde savula la matyala, ukuze iintsapho zifumane uxolo," utshilo.
Ukwathe urhulumente ujonge ekuqinisekiseni iindlela zokunika imbuyekezo kwiintsapho eziphulukene namalungu azo ukuze ziphucule ubomi bazo.