Kudutyulwe umsasazi noDJ owaziwayo, uWarrick Stock, owaziwa ngelikaDJ Warras.
Image: Instagram
UDJ odumileyo waseMzantsi Afrika nomsasazi, uWarrick “DJ Warras” Stock, 40, udutyulwe wabhubha namhlanje emva kwemini eGoli.
Abasemagunyeni baxakekile kwindawo yexhwayelo kufutshane neCarlton Centre esembindini wedolophu. Kuthiwa uDJ Warras udutyulwe ngethuba ehlola isakhiwo esigadwa yinkampani yakhe yokhuseleko.
Udadewabo, uNicole Stock, ethetha neentatheli kwindawo yexhwayelo, uthe esi sisiganeko esibuhlungu kusapho nakubantwana bakaDJ Warras. Umchaze ubhuti wakhe njengomntu ohlekisayo nolungileyo.
"Wayengumntu onentliziyo entle othanda wonke umntu nokuba banjani ngombala," utshilo.
Ephendula xa ebebuzwa malunga nento ayaziyo ngesi sehlo, uthe: "Akukudalanga yenzekile, isentsha. Andikwazi ukuthetha ngayo ngoku. Iinkcukacha ziza kuphuma ngexesha elifanelekileyo."
Amapolisa aqinisekise ukuba udutyulwe ngabarhanelwa abathathu abangaziwayo nababaleke ngeenyawo emva kwesi sehlo.
"Kuthiwa ixhoba lifikelwe ngabarhanelwa abathathu abangaziwayo emva kokupaka imoto yalo. Badlule kuye phambi komhlasela. Emva koko babaleke ngeenyawo. Isizathu sokuba adutyulwe asikaziwa okwa ngoku," atshilo amapolisa.
Akukabanjwa mntu ukuza kuthi ga ngoku kwaye uphando seluqalile.