Indoda yaseMqanduli ibanjelwe ukuhlaba ibulale amakhosikazi amabini kuquka nalo ebethandana naye.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Indoda (30) ibanjwe kwingingqi yaseGomba, eHlabatshana, eMqanduli ngokuhlaba ibulale amanina amabini. Iingxelo zithi wayethandana nomnye wamaxhoba (54).
La mabhinqa mabini aneminyaka engamaashumi amane anesibini (42) namashumi amahlanu anesine (54) eminyaka ubudala ahlatywe abhubha ngulo mrhanelwa oyindoda owabanjwa ngeCawe, umhla we14 kweyoMnga 2025.
Ingxelo yamapolisa ithi, umrhanelwa ebethandana nexhoba elineminyaka engamashumi amahlanu anesine (54) nokwangumnikazi wekhaya ekwenzeke kulo esi sehlo singenalusini.
"Kufike ingqina elingummelwane kweli khaya kwaye lothuswa kukubona inkosikazi esele ibhubhile ikwichibi legazi ngelixa umrhanelwa exakekile ehlaba ixhoba lesibini," itshilo ingxelo.
Kuthiwa ummelwane wazisa amalungu oluntu afika athi ahlasela umrhanelwa.
Omabini amaxhoba abhubhileyo ayenamanxeba amaninzi kumzimba wawo ongasentla kwaye baqinisekiswe ukuba babhubhile ngabasebenzi benkonzo yezonyango olungxamisekileyo ngelixa umrhanelwa wabalekiselwa esibhedlele phantsi kweliso lamapolisa enzakele kakhulu.