Iindaba

Buguqukile ubomi bukaJaxa ophumelele iR200 000 kukhuphiswano likaSuperSport!

Pedro Mapelo|Published

Uchwayite ngendlela emangalisayo uAnelisa Jaxa waseCacadu emva kokuphumelela ukhuphiswano likaSuperSport.

Image: SuperSport

Buguquke ngokupheleleyo ubomi bomsasazi wezemidlalo, uAnelisa Jaxa, emva kokuphumelela ukhuphiswano likaSuperSport. Oku kwenzeke emva kokuba uJaxa ebhengezwe njengophumeleleyo kwiphulo likaSuperSport TV ebikhangela umsasazi wezemidlalo osasaza ngolwimi lenkobe.

Ugoduke nemali engamakhulu amabini amawaka eerandi (R200 000) ngaphezulu koko wanikwa isivumelwano sengqesho sonyaka esasazela iSuperSport TV. Esi sisiqalo esihle kuJaxa oza kusebenzisa italente yakhe kwijelo losasazo elisemgangathweni wehlabathi.

Okuqale kancinci kwizikhululo zasekuhlaleni kumthathe kwambeka endaweni ebanzi umfana waseCacadu (Lady Frere). Noxa abathathe inxaxheba bebevotelwa ngabantu - kodwa yena ithuba ulifanele ngoba italente yokusasaza imidlalo unayo.

"Ndiyazingca ngokuba ngophumeleleyo kwiSuperSport Talent Search," utshilo uJaxa emva kwesaziso echwayitile. Ubambe indawo yokuqala kukhuphiswano lokusasaza imidlalo obelungenelwe ngabantu abaqabele kumawaka amabini oluqingqithe iinyanga eziliqela ethivini.

"Ndonwabile, ndimangalisekile futhi ndiziva ndiwongekile. Bendizazi ukuba ndinayo italente yokusasaza - kodwa zange ndicinge ukuba ndingafumana ithuba lokuziqaqambisa kwinqanaba eliphezulu.

"Ukubamba indawo yokuqala kwaSuperSport nokuxelelwa nangabanye ebendikhuphisana nabo ukuba ndikufanele ukuphumelela kundenze ndazazi ukuba ndisekhondweni elihle. Ndibulela uThixo ngokundisikelela ngesiphiwo. Ubomi bam buguqukile futhi ndiyayibulela inkxaso endiyinikwe ngabantu," utshilo uJaxa oza kuqala unyaka omtsha kwaSuperSport.

Nangona evuyela ithuba alinikiweyo uJaxa - kodwa uyazi ukuba kufuneka anyuse umxakatho ukuze afumane elinye ithuba emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho sonyaka kwaSuperSport. "Andisenguye ngoku uAnelisa ebendinguye ngaphambili. Ndiza kumela inkampani enkulu ngoku.

"Kufuneka ndiqinisekise ukuba ndivelisa umsebenzi omhle ngamaxesha onke. Ndonwabe kakhulu futhi yonke into ingathi liphupha kum," utshilo uJaxa obekhatshwe ngumama wakhe emsithweni obungeCawa edlulileyo.