Inkwenkwe elahlekileyo.
Image: SAPS
Amapolisa aseMaxesibeni akhangela inkwenkwana eneminyaka emithathu ubudala, uNdalo Ngxola, wakwingingqi yasePhungulelweni kuNtabankulu elahlekileyo.
Iqela labecuphi becandelo elijongene nobundlobongela kusapho, ukhuseleko lwabantwana kunye nolwaphulomthetho ngokwesondo (FCS) eMaxesibeni likhangela le nkwenkwana elahlekileyo negqityelwe ukubonwa ngoLwesine, umhla we11 kweyoMnga 2025 ngentsimbi yeshumi kusasa, ngelixa idlala nabahlobo kude kufuphi nekhaya layo, ngokwengxelo yamapolisa.
Ukuduka kwakhe uNdalo kuthiwa ebenxibe ibhulukhwe eneyvi, ijezi eneyvi, izihlangu zecrocs ezineyvi ezinendawo eorenji kunye neekawusi ezinemigca.
Ityala lomntu olahlekileyo lavulwa ngenjikalanga yangoLwesine, umhla we11 kweyoMnga 2025.
Uphando lokuqala lwenziwa, kodwa akazange afumaneke.
Amapolisa acela nabani na onolwazi malunga nalapho akhoyo uNdalo Ngxola ukuba atsalele umcuphi uKapteni Luzuko Kanzi ku071 352 4530. Abantu bangabelana ngolwazi besebenzisa iCrime Stop ku08600 10111.