Iindaba

Izulu libethe labulala abathathu ecaweni eLimpopo

Cwayita Nondula|Published

Kubhubhe abathathu konzakala abahlanu emva kokuba izulu libethe icawe eLimpopo.

Image: iStock

Kubhubhe abantu abathathu kwaze konzakala abahlanu emva kokuba izulu libethe icawe ibiqhuba inkonzo yomthandazo yasebusuku ententeni kwilali yaseRadimana eLimpopo ezinzulwini izolo ngeCawe.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uColonel Malesela Ledwaba, esi sehlo senzeke ezinzulwini zobusuku ngentsimbi yokuqala ngethuba ibandla likwinkonzo yasebusuku ngaphakathi ententeni ngethuba iqalisa ukuna imvula enkulu.

Kuthiwa lithe xa licula ibandla latsho izulu labetha ngaphakathi ententeni.

Abantu abasibhozo abaphakathi kweminyaka elishumi elinesibini (12) ukuya kumashumi amahlanu anesithandathu (56) ubudala, bonzakele kwesi sehlo. Baye basiwa kwiziko lezempilo elikufutshane ukuze bafumane unyango. Abathathu kwabonzakeleyo, indoda enye nabasetyhini ababini, babhengezwe njengababhubhileyo xa befika kwiziko lezempilo.

Aba babhubhileyo baye bachongwa ziintsapho zabo njengoRibson Mothemane (46), uMosibudi Mokgobu (44) kwakunye noGlenda Modjadji Ntjana (36) abangabahlali belali yaseSefihlampyana.

UMkomishinala wamaPolisa eLimpopo, uLieutenant General Thembi Hadebe, uthumele amazwi ovelwano kwiintsapho ezintathu zamaxhoba abhubhileyo, ukwalumkise iicawe ukuba zilumke ngexesha lemozulu embi.

“Ndikhuthaza uluntu ukuba luthathe amanyathelo okhuseleko, ingakumbi ngeli xesha leemvula,” utshilo uHadebe.