UThamsanqa Ntuli useyiNkulumbuso yaseKZN emva kokuba efumene iivoti ezaneleyo ezithi makahlale kwesi sikhundla.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Iinzame zeMK Party zokukhupha iNkulumbuso yephondo laKwaZulu-Natal (KZN), uThamsanqa Ntuli, ziwe phantsi emva kokuba uNtuli efumene iivoti ezaneleyo zokumgcina esikhundleni.
Iziphumo zibhengezwe nguSomlomo wendlu yowiso mthetho yePhondo, uNontembeko Boyce, kulandela iinzame ezininzi zokuvota, ezithe zaphazanyiswa ngamalungu eMK Party kunye neEconomic Freedom Fighters (EFF).
Le voti yenzeke kwindlu yowiso mthetho eKZN ngoMvulo. IMK Party igqibe kwelokuba ifake isicelo sokuwisa uNtuli kuba ithi kubekho ulawulo gwenxa lwemali nokusilela nguRhulumente wobumbano lwephondo.
Amalungu eMKP neEFF angquzulane namapolisa kwindlu yowiso mthetho eKZN.
Image: Screenshot / SABC News
Ngexesha lokuvota, amalungu aphazamisayo aye afuna ngokuphindaphindiweyo ukuba ivoti iqhutywe ngendlela eyimfihlo.
IMK Party enezihlalo ezininzi ifumene uncedo lwe-EFF kwaye ngamashumi amathathu anethoba (39) eevoti ezixhase ukukhutshwa kukaNtuli kwisikhuba seNkulumbuso yaseKZN. Logama uRhulumente wobumbano eKZN ephumelele ngeevoti ezingamashumi amane (40) ezisuka kwi-IFP, ANC, DA neNFP.
Indlu yowiso mthetho ibe nesiphithiphithi emva kokuba kubhengezwe ukuba uNtuli akayi ndawo njengeNkulumbuso. Amalungu eMK Party nawe-EFF angquzulane namapolisa.