Iindaba

Kufunwa indoda enokunceda amapolisa kwityala lokuxhwila

Cwayita Nondula|Published

UMalibongwe Nokhweza ofunwa ngamapolisa.

Image: SAPS

Amapolisa acela uncedo kuluntu ekufumaneni uMalibongwe Nokhweza ekuthiwa angancedisa kwityala lokuxhwila elenzeka eLibode.

Ngokwengxelo yamapolisa aseMpuma Koloni, esi sehlo senzeke eLibode ekuqaleni kwale nyanga yoMnga ka2025.

Amapolisa athi umrhanelwa kutyholwa ngelithi ubandakanyeka kwisehlo sokuxhwilwa kwexhoba kwindawo elihlala kuyo kwizindlu zeRDP zaseThabo Mbeki, eLibode.

"UNokhweza ngumrhanelwa ofunwayo kwaye kukholelwa ukuba angakwazi ukuncedisana namapolisa ekuqosheliseni uphando nanjengoko abanye abarhanelwa abayanyaniswa neli tyala sele bebanjiwe," itshilo ingxelo yamapolisa.

Kutyholwa ngelithi uneBakkie yexhoba yohlobo lweIsuzu kwaye uxhobe ngendlela eyingozi.

Onolwazi malunga nalapho akhoyo uMalibongwe Nokhweza uyabongozwa ukuba aqhagamshelane noSajini Bodoza waseLibode SAPS ku082 302 6424, kungenjalo atsalele inombolo yeSAPS Crime Stop ku08600 10111 okanye axele kuso nasiphi na isikhululo samapolisa esikufutshane.