Iindaba

ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni lithi ahamba kakuhle amalungiselelo onyaka ozayo

Cwayita Nondula|Published

Isebe lezemfundo eMpuma Koloni lithi amalungiselelo onyaka ozayo ahamba kakuhle kwaye nezikolo sele zongezelelwe ngeencwadi zokufunda.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Isebe lezemfundo eMpuma Koloni (ECDoE) libhengeze ukuba aqhuba kakuhle amalungiselelo onyaka ka2026.

Isebe lithe lenze amalungiselelo ukulungiselela ukuvulwa kwezikolo kunyaka ozayo kwaye kukho inkqubela ebonakalayo eyenziweyo ekuboneleleni kwangethuba kweLearner Teacher Support Material (LTSM).

"Isebe ligqibe ngempumelelo ukuziswa kwezixhobo zesikolo kuzo zonke izikolo nge7 kweyeNkanga 2025, liqinisekisa ukuba abafundi nootitshala banezixhobo zokufunda eziyimfuneko ezilungele ukufundisa nokufunda ngempumelelo ukususela kusuku lokuqala lwesikolo," utshilo othethela eli sebe uMalibongwe Mtima.

UMtima uqinisekise ukuba kule nyanga sikuyo ngomhla wesibhozo kwagqitywa ukuhambiswa iincwadi zezifundo kuzo zonke izikolo zamabanga aphakamileyo.

Ngenxa yokulibaziseka ekugqityweni koluhlu lwee-odolo zezikolo zamabanga aphantsi ezifundisa uGrade 1 ukuya kuGrade 3, inkqubo yokuthengwa kweencwadi zezifundo ezongezelelweyo kwafuneka yahlulwe ibe zizigaba ezibini – zezikolo zamabanga aphantsi nezamabanga aphakamileyo, litshilo isebe.

"Ngaphandle kwalo mcelimngeni, isebe liyigcinile inkqubela encomekayo futhi ukuthengwa kweencwadi zezifundo ezongezelelweyo zikaGrade1 ukuya kuGrade 7 kuyaqhubeka," uqinisekise watsho uMtima.

Isebe likwathembise ukuba izikolo ziza kuvula kweyoMqungu ka2026 iincwadi zezifundo zezikolo zamabanga aphantsi ziphelele.