Iindaba

Inkundla ephakamileyo isichithile isibheno seNPA esichasa ukukhululwa kukaOmotoso

Cwayita Nondula|Published

Inkundla ephakamileyo isikhabile isibheno seNPA kwityala likaOmotoso.

Image: Raahil Sain / IOL

Inkundla ephakamileyo yaseGqeberha isikhabile isibheno seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) esichasene nesigqibo senkundla esikhokelele ekubeni akhululwe umfundisi uTimothy Omotoso.

NgoLwesihlanu, iNkundla ePhakamileyo ebichotshelwe eGqeberha inikezele ngesigwebo sayo emva kweenzame zeNPA zokuphikisa isigqibo esenziwe yinkundla ekuqaleni kwalo nyaka kwinyanga kaTshazimpuzi.

Ngenyanga kaTshazimpuzi, iJaji uIrma Schoeman wakhulula uOmotoso kunye nabo atyholwa nabo uLusanda Solani noZukiswa Sitho ababejongene namatyala amaninzi aquka ukudlwengula kunye nokurhwebesha abantu.

Kwisigwebo sakhe, uSchoeman uthe umbuso usilele ukungqina ityala lawo ngaphandle kwamathandabuzo.

Umbuso uthe kwisicelo sawo sesibheno ukuba uSchoeman ugxile kwindlela eliqhutywe ngayo ityala, hayi kumthetho nobungqina bamangqina.

Isicelo sombuso ngenyanga yeKhala siphakamise "imibuzo emithandathu yomthetho" eyayibuza, phakathi kwezinye izinto, ukuba inkundla yamatyala isebenzise indlela efanelekileyo ekuvavanyweni kobungqina obuvezwe kweli tyala.