Inkokeli yeEFF, uJulius Malema, imemelela amazwe ukuba angayi kwindibano yeG20 eMelika kunyaka ozayo.
Image: EFF / X
IEconomic Freedom Fighters (EFF) imemelela amazwe ehlabathi ukuba angayi kwingqungquthela yeG20 ehlelelwe ukubanjelwa eMelika kunyaka opheleleyo ngo2026.
Oku kuza emva kokuba uMongameli waseMelika, uDonald Trump, ebhengeze ukuba uMzantsi Afrika awuzuvunyelwa ukuba uthathe inxaxheba kwindibano yeG20 eza kuba iseMiami ngo2026.
Ethetha kwindibano noonondaba eGoli ngoLwesine, inkokeli yeEFF, uJulius Malema, uthe amazwe akwiG20 kufuneka axhase urhulumente woMzantsi Afrika.
"Uphawu lokuqala lokuchasa ulawulo lwengcinezelo lukaDonald Trump luya kuvela kwindibano yeG20 ezayo," utshilo uMalema.
UMalema uthe iEFF imemelela ukuba kungayiwa kwindibano yeG20 eseMiami, eFlorida. "Mabangayi ukuba uMzantsi Afrika awuvumelekanga njengelinye lamalungu aseka iG20 ngenxa yesibhengezo sikaDonald Trump."
UMalema uthe ihlabathi lakhe loyisa ingcinezelo ngokusebenzisana, kwaye akukho thethathethwano nengcinezelo. "Kumele simanyane ngoku okanye sitshabalale," utshilo.
UMzantsi Afrika uthe iMelika ayinalungelo lokuthintela elinye ilizwe elingomnye wabasunguli beG20 ekubeni lithathe inxaxheba kwiG20. UTrump akaboni ngasonye norhulumente woMzantsi Afrika kuba esithi bayasilela ukuvuma iziganeko zokubulawa kwamaBhulu nokuthathwa kwemihlaba yawo.
Oku kwenzeka nangona urhulumente woMzantsi Afrika enze iinzame ezininzi zokulungisa ulwazi olungeyonyani olunikwe uTrump. UMzantsi Afrika ukwamile kwelokuba ufuna ukuqhubeka uthethathethwano neMelika elelelinye lamazwe amakhulu anobudlelwane borhwebo noMzantsi Afrika.