Iindaba

UMzantsi Afrika uthi awuzukunceda ukususwa kwabantu eGaza

Cwayita Nondula|Published

UKhumbudzo Ntshavheni uthi urhulumente woMzantsi Afrika ufunga ngelithi akazukunceda ukususwa kwabantu eGaza okanye nawuphi na ummandla wasePalestina.

Image: GCIS

Urhulumente woMzantsi Afrika ugxininise ukuba akazukuvumela eli lizwe ukuba lisetyenziswe njengendawo yokuphungulela abantu baseGaza.

UMphathiswa kwiOfisi kaMongameli, uKhumbudzo Ntshavheni, ethetha kwindibano noonondaba ePitoli ngoLwesithathu, udize ukuba uMzantsi Afrika awuzukusetyenziswa njengesisulu kule meko.

Amawakawaka abantu basePalestina bathe babaleka eGaza kutshanje, besoyikisela ubomi babo njengoko kukho imfazwe phakathi kukaSirayeli neHamas.

Kwinyanga ephelileyo, uMzantsi Afrika unike imvume yokuba kweli lizwe kubantu abangaphezu kwekhulu (153) basePalestina abafike kwisikhululo seenqwelomoya iOR Tambo International Airport ngaphandle kwamaxwebhu afanelekileyo. Baye basikelwa iintsuku ezingamashumi alithoba zokuba kweli loMzantsi Afrika ngaphandle kwesigunyazisi sokundwendwela.  

Kwinyanga yeDwarha ngethuba abantu basePalestine begaleleka kweli lizwe, urhulumente woMzantsi Afrika waqalisa uphando malunga nokufika kwabo ngendlela engaqondakaliyo neyabangundabamlonyeni esi siganeko. 

Kwavakala ukuba umbutho iAl-Majd Europe iququzelele uhambo lwaba bantu, nekuthiwa lo mbutho wawungabhaliswanga kwaye uxhaphaze abantu ababelufuna ngamandla uncedo.

Nangona kunjalo, urhulumente uye wazirhoxisa ezi zigunyazisi zokundwendwela, echaza isigqibo sakhe sokungafuni ukubandakanyeka ekuncedeni ukuphungulwa okanye ukususwa kwabantu eGaza.

"Naliphi na ilinge lokususa abantu eGaza kunye nayo nayiphi na imimandla yasePalestina ayizukuxhaswa nguMzantsi Afrika," utshilo uNtshavheni egxininisa uluvo lukarhulumente, ekhankanya inkxalabo ngeemeko ezingqonge ukufika kwabo [abantu basePalestina].

"Kwabakho ukuxhatshazwa kwenkqubo kuba abantu abeza apha abezi ngokuthanda kwabo, kwaye ukukwazi ukubuyela kwabo eGaza kuyathandabuzeka," utshilo uNtshavheni.