Iindaba

UQhawekazi ukhuthaza ukufundiswa ngeelwimi zenkobe ngencwadi yesiXhosa ayibhalileyo!

Pedro Mapelo|Published

UQhawekazi Mazaleni ubuyele kowabo kuFalakahla, eDutywa, okokuqala kwiveki ephelileyo ukusukela wabanguMiss South Africa.

Image: Miss South Africa

UQhawekazi Mazaleni, onguMiss South Africa kunyaka ka2025, uzimisele ukwenza umahluko ongasoze ucime ezingqondweni zabantu. Oku kuvele ngethuba exela ukuba wangenela ukhuphiswano loonobuhle kuba wayefuna ukwazisa abantu ngezinto ezibalulekileyo ebomini babo.

Le nzwakazi yakuFalakahla yamkelwe ngobubele emsithweni obuseMbhashe LG Mall, eDutywa, emini ngoMgqibelo odlulileyo. UMazaleni ubuyele ekhaya okokuqala ukusukela oko wathwaliswa isithsaba sikaMiss South Africa ekupheleni kwenyanga yeDwarha.

UQhawekazi, obechulumancile emva kokwamkelwa ngemfudumalo ngabantu bendawo yakhe, wenze umbulelo ngamazwi watsho egqamisa umsebenzi awenzayo athi ubenalo ifuthe kwimpumelelo ayizuzileyo kukhuphiswano loonobuhle.

"Ndingumntu ekujongwe kuye ngabantu abaninzi. Umsebenzi wam kukunceda abantu abangakwaziyo ukuthetha kakuhle nekunzima ukuphila nabanye abantu. Ukhuphiswano loonobuhle landinika iqonga lokudlulisa umyalezo nokufundisa abantu," utshilo uMazaleni exhagwe ngabazali bakhe.

"Ndonwabe kakhulu futhi ndibulela usodolophu nabo bonke abantu abalapha. Ngendingekho apha ngaphandle kwenkxaso yenu," utshilo uQhawekazi. Njengomntu osisicaka soluntu, uQhawekazi ubhale incwadi yesiXhosa ngoba ukholelwa kwelokuba abantwana abancinane kufuneka bafunde ngeelwimi zenkobe ukuze bakwazi ukubamba nokuqonda bhetele izinto abazifundiswa esikolweni.

UMiss South Africa uQhawekazi Mazaleni noSodolophu woMasipala waseMbhashe uGqirha Samkelo Janda.

Image: Mbhashe Local Municipality

"Mna ndisebenza ngabantwana abancinane. Ndaqala ngokubhala incwadi yesiXhosa ethi: 'Amasele Amdaka'. Uphando lubonisa ukuba abantwana bethu abafunda kumabanga aphantsi abawubambi kakuhle umongo wezinto abazifunda esikolweni. Sibonile ukuba xa abantwana befunda ngeelwimi zabo, bayakwazi ukuqhuba kakuhle ukusuka kwaGrade 4 ukuya esinaleni (Grade 10, 11,12)," utshilo uQhawekazi.

Njengetshantliziyo lobulungisa, wagqiba kwelokuba enze into eza kuza nesisombululo kwingxaki ejamelene nelizwe lonke. "Ndabona loo ngxaki ndaqonda ukuba ndiyakwazi ukwenza umahluko. Ndazibhalela incwadi futhi sendiyibonile ukuba yenza umahluko ebantwaneni endisebenzisana nabo.

"Ndangenela ukhuphiswano loonobuhle kuba ndandifuna ukwenza umahluko ebantwini abaninzi. Nani ningenza umahluko kwiindawo zenu ngokwenza izinto enizaziyo ngoba nam ndiqale kanjalo," utshilo uQhawekazi ebantwini abebezimase umsitho wokumankela eDutywa.

USodolophu woMasipala waseMbhashe, uGqr. Samkelo Janda, uye wamakela uQhawekazi egameni labantu baseDutywa abeke ilitha kuyo esalwela isicoco sikaMiss South Africa asifumene nzima.

"Siyakwamkela sonke apha njengomntana wethu. Sinebhongo lokuba nomntu onguMiss South Africa ophuma eMbhashe. Ndifuna ukubulela abazali bakhe abamkhulisileyo nabakunike inkxaso. Kuhle ukumbona (uQhawekazi) ephumelela futhi ndimnqwelela okuhle kodwa ebomini bakhe," utshilo uSodolophu echwayitile.