Iindaba

Umfazi uphakathi kwabarhanelwa ababanjelwe ukubulala inqununu yaseFlagstaff

Cwayita Nondula|Published

Umpu owafunyanwa ngamapolisa kumrhanelwa obanjiweyo.

Image: SAPS

Uphando lokubulawa kwenqununu (59) yesikolo saseFlagstaff eyabulawa isemzini wayo nosapho lukhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abathathu kuquka nomfazi wenqununu.

Le nqununu yabulawa ngomhla we19 kweyeNkanga 2025 ngorhatya kwikhaya layo ikunye nosapho lwayo. Abarhanelwa babanjwe ngoLwesibini wale veki.

Igqiza eliquka iNkumanda yesikhululo saseFlagstaff, iNkumanda yabacuphi, iNkumanda yakwaVispol, iCrime Intelligence and Public Order Policing, libambe umrhanelwa (35) otyholwa ngokuba ngumbulali eLuqoqweni eLusikisiki ezinzulwini zobusuku, ngokwengxelo yamapolisa.

Ufunyenwe nompu weSilver Norincho 9mm ongenaphephamvume nenombolo ecinyiweyo yesiriyeli, neembumbulu ezilishumi elinesine.

Emva koko amapolisa adlulela eFlagstaff apho kubanjwe omnye umrhanelwa (40) kunye nomfazi (52) womfi.

Aba bathathu baza kuvela phambi kweNkundla kaMantyi eFlagstaff ngoLwesine, umhla we11 kweyoMnga 2025 ngezityholo eziquka ukubulala nokwenza iyelenqe lokubulala, ngelixa otyholwa ngokuba ngumbulali eza kuvela okokuqala phambi kweNkundla kaMantyi eLusikisiki namhlanje, ngoLwesithathu, ngezityholo zokuba nompu neembumbulu ngokungekho mthethweni.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uncome iintloko zabecuphi ngokukhawulezisa ukubanjwa kwabarhanelwa ngokusebenzisa izakhono zophando ezibukhali kwaye ukwancome igqiza ngokuqinisekisa ukuba abarhanelwa bayaziswa ngaphambili ukuze bajongane nengalo yomthetho.