Iindaba

Linyukile inani labakhwetha ababhubhileyo eMpuma Koloni

Pedro Mapelo|Published

Linyukele phezulu inani labakhwetha abaswelekileyo eMpuma Koloni.

Image: Phando Jikelo/ANA

Emva kweeveki ezintathu iqalile isizini yolwaluko sekubhengezwe ishumi lonke labakhwetha ababhubhileyo. Oku kubhengezwe lisebe likaRhulumente, uCogta, phakathi kule veki. Kanti kwiveki ephelileyo, bekuqale kwabhengezwa ukusweleka kwabakhwetha abahlanu - kodwa elo nani linyukele phezulu emva kokusweleka kwabanye abahlanu kule veki.

Izithili ezichaphazelekayo ziquka uMasipala waseChris Hani, uMasipala weSithili saseO.R.Tambo neBuffalo City. Ingxelo epapashwe nguNkosi Gwazinamba Matanzima ithe abaswelekanga ngenxa yesiko bonke abakhwetha. Omnye wafunyanwa ezixhomile emva kokungavisisani ngendlela yokutya noyise.

Kanti omnye usweleke emva kokubethwa ngumhlekazi (wabethwa lizulu). Kwabanye kukhalwe ngokoma kwemizimba ngenxa yokungaseliswa amanzi. Oku kwenzeka nangona bezikhona iintlanganiso phakathi kwamagosa kaRhulumente, oogqirha, iingcibi namakhankatha kwizithili zaseMpuma Koloni ngokwahlukana kwazo ekufundiswe kuzo ukubaluleka kokugada impilo yabakhwetha nokungabavimbi amanzi okuyingxaki enkulu.

Ethetha kwiKeith Ngesi Radio, uNkosi Matanzima uvakalise udano olukhulu emva kokusweleka kwabakhwetha kwakhona emva kweenzame abazenzileyo phambi kokuvulwa kwesizini yolwaluko. Uthe beziinkosi baphoxwa kakhulu yindlela abazali abenza ngayo izinto.

"Kubakhwetha ababhubhileyo, ukoma kwemizimba ibe yeyona nto ehamba phambili," utshilo uNkosi Matanzima. Ngamashumi amabini anesine abantu ababanjiweyo ngamapolisa emva kokurhanelwa ngokwaphula umthetho wolwaluko kule sizini.

Unyaka nonyaka, iMpuma Koloni isoloko inenani eliphezulu labakhwetha ababhubhileyo nabalahlekelwe ngamalungu obudoda. Phakathi konyaka ka2016 noka2024, ngamakhulu amathathu anamashumi asixhenxe ananye (371) ababhubhayo.

Ngaphezulu koko, ikhulu elineshumi (110) lalahlekelwa ngamalungu obudoda ngenxa yokungaphatheki kakuhle esuthwini. URhulumente wephondo nesebe leZempilo baneqela elihlola amabhoma kuzo zonke iindawo. Amabhoma angekho semthethweni afumaneke ngenxa yohlolo eluqhubekayo.