Iindaba

Isebe lezemfundo lithi akukho mthethweni ukungabaniki abantwana iziphumo zabo

Cwayita Nondula|Published

Isebe lezemfundo limemelela izikolo ukuba zinike abafundi iziphumo zabo nangona betyala.

Image: Armand Hough / Independent Newspapers

Isebe lezemfundo eMpuma Koloni lithi akukho semthethweni ukuba izikolo zingabaniki abantwana iziphumo zabo kwaye lilumkisa ngesi senzo nanjengoko sophula umthetho wezikolo waseMzantsi Afrika (SASA).

Kukho iziganeko eziqhelekileyo apho izikolo zinganiki abantwana iziphumo zabo ngenxa yokuba betyala isikolo okanye beneencwadi zokufunda ezingangeniswanga.

Isebe lithi ngokweCandelo 41(7)(d) loMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (SASA) umfundi akanakohluthwa ilungelo lakhe lokuthatha inxaxheba kuzo zonke iinkalo zenkqubo yesikolo sikarhulumente nangona umzali engahlawulanga imali yesikolo kwaye (umfundi) akanako ukuxhatshazwa nangayiphi na indlela.

Lo mthetho uthi abafundi mabangavinjwa iziphumo zabo okanye iziqinisekiso zabo zokutshintshela kwezinye izikolo.

Le yimihla yokuvalwa kwezikolo kwaye abanye abantwana bajongana nobunzima bokufumana iziphumo zabo ngenxa yezikolo ezingafuniyo ukubanika ngenxa yokuba batyala okuthile esikolweni.

"Iinqununu zazo zonke izikolo ziyakhunjuzwa ngeli candelo libaluleke kangaka lomthetho weSASA kwaye ziyalumkiswa ukuba ukunganikezelwa kweziphumo zesikolo ngenxa yaso nasiphi na isizathu akuvumelekanga," litshilo isebe.