Iindaba

Ababengabasebenzi basemgodini baza kuncedwa ngamabango embuyekezo kwaBhaca

Cwayita Nondula|Published

Ababesakuba ngabasebenzi basemgodini abanezifo zemiphunga ngenxa yomsebenzi wabo emigodini baza kuncedwa ngamabango embuyekezo kwaBhaca.

Image: Itumeleng English

Ababesakuba ngabasebenzi basemgodini abahlala kwaBhaca abanomonakalo osisigxina wemiphunga ngenxa yokuba nezifo ezifana nesifo sephepha ngenxa yokusebenza emigodini baza kuncediswa ngezicelo zamabango ukuze bafumane imbuyekezo.

ITshiamiso Trust iqalise inkqubo yayo yaseMpuma Koloni, iphawula isigaba sesibini sephulo elasungulwa kweyeThupha 2025 lokwandisa ukufikelela kwiinkonzo zembuyekezo zezifo ezifana nesilicosis nesifo sephepha nezafunyanwa ngenxa yentsebenzo yasemgodini kwabo babefudula bengabasebenzi basemgodini neentsapho zabo.

ITshiamiso Trust ibiseMatatiele ngoMvulo nangoLwesibini wale veki, iza kuba KwaBhaca ngoLwesine nangoLwesihlanu kule veki.

Ingqonyela yeTshiamiso Trust, uGqirha Munyadziwa Kwinda, uthi le nkqubo eseMpuma Koloni ilandela isingqi esitshayelelwe ebutsheni balo nyaka. "Esi sigaba kukuqhubekeka komsebenzi esiwuqale kweyeThupha wokusondeza iinkonzo kuluntu oluchaphazeleka kakhulu sisifo semiphunga abasifumene ngenxa yomsebenzi wabo.

"Ugxininiso lwethu lusekuphuculeni ukufikelela, ukunceda iintsapho ukuba zisebenzise inkqubo yamabango, kunye nokuqinisekisa ukuba abo babesakuba ngabasebenzi basemgodini abafanelekileyo bayaxhaswa ukuze benze izicelo zabo zamabango ngokuchanekileyo," utshilo uGqirha Kwinda.

Le nkqubo inceda ababefudula bengabasebenzi basemgodini abangamaxhoba neentsapho zamaxhoba ngezinto ezinjengokufaka amabango amatsha, ukufumana inkxaso ngamaxwebhu angekhoyo afunekayo kunye novavanyo lwezempilo (BMEs) ukubona ukuba bakufanele na ukufumana imbuyekezo.

ITshiamiso Trust iza kuba kwiholo iSophia Park, kwaBhaca inceda abantu ngezicelo zabo.