Iindaba

UMantashe uthi ‘akafumaneki’ kwisikhundla esiphezulu seANC

Cwayita Nondula|Published

UGwede Mantashe uthi mdala kakhulu ukuba angangenela ugqatso lokuba nguMongameli weANC ngo2027.

Image: Itumeleng English/ Independent Newspapers

USihlalo weANC uGwede Mantashe uthi akazukukhuphisana kwisikhundla esiphezulu sombutho, esithi “mdala kakhulu” njengoko zisanda iingxoxo zokuba ngubani oza kuxhuzula imikhala njengoMongameli olandelayo wombutho.

UMantashe ebethetha noonondaba ecaleni kwindibano yesihlanu yeANC, iNational General Council (NGC), ebibanjelwe eBirchwood Hotel, eBoksburg, ngoLwesibini. Kukho iingxoxo zokuba ngubani oza kuba nguMongameli emva kokuba ixesha likaMongameli Cyril Ramaphosa lifikelele esiphelweni.

Bekukho amahumhum athi indibano yeANC iza kusetyenziswa ukunyanzelisa ukuba uRamaphosa asuswe esikhundleni, kodwa iinkokeli zeANC ziwachithile la marhe ngelithi awayonyani.

Nangona kunjalo, uMantashe uthe inkomfa yonyulo yeANC ingo2027 kwaye intetho ngokungena ezihlangwini [kwesi sikhundla siphezulu] ziphambi kwexesha kakhulu. Uthe iNGC ayiloqonga leentetho zobunkokeli.

"Abantu baya kufaka amagama abo entloko. Bafuna ukonyulwa. Kodwa oko kusekude kakhulu ngeli xesha.

"Liyeza ixesha laloo nto, kwaye ndingakuxelela, andizufumaneka. Ndimdala. Ndingaphezulu kwamashumi asixhenxe eminyaka ubudala, ngoko ke ndizobeka phantsi," utshilo uMantashe ethetha neentatheli.

Ixesha likaRamaphosa njengoMongameli lifikelela esiphelweni ngonyaka ka2027.

Abantu abamagama athe tyaba njengabo abanokukhuphisana kwisikhundla sokuba nguMongameli wombutho olandelayo, nguSekela Mongameli uPaul Mashatile, uNobhala Jikelele uFikile Mbalula kunye noSomlomo weNdlu yoWiso-mthetho uThoko Didiza.

Kutshanje, emva kwentlanganiso ibigqibezela amalungiselelo ale ndibano yenzeka ngoku yeNGC, uMbalula ephundula umbuzo ngamarhe okuba kukho amalungu aphezulu eANC afuna ukukhupha uRamaphosa, wathi: "Akukho ngquzulwano yobunkokeli kwiANC. Simanyene kwaye sihlaba ikhwelo kuwo onke amalungu eANC ukuba alandele ekhondweni kwaye amanyane. Ezi ziingxelo ezityalwe ngabantu abangaphakathi nangaphandle abazimisele ukuchitha iANC."