IKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo ithetha kwividiyo engundabamlonyeni.
Image: Screenshot
IKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo uzithethelele izenzo zakwaSirayeli ngakwiPalestina, ngelixa egxeka urhulumente woMzantsi Afrika namatshantliziyo ngezimvo zabo ngoSirayeli kulandela utyelelo lwakhe eKibbutz Nir Oz kwaSirayeli kutshanje.
Kwividiyo ejikeleza kumakhasi onxibelelwano, uKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo uvakala esithi amaSirayeli akanakubekwa tyala ngendlela aziphindezele ngayo.
"Ukuziphindezela kungenxa yezenzo ezikhohlakeleyo ezenziwa yiHamas – abantu abazibiza ngokuba ngabavukeli. Zange ndabona abavukeli abadlwengula umntwana, umama nomakhulu. Ababulala intsapho yonke kwindlu enye ngaphandle kwesizathu," utshilo kule vidiyo.
UKumkani uDalindyebo uthe uMongameli weli loMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa kunye noMandla Mandela mabangasasazi ulwazi olungeyonyani ngoSirayeli.
Ngonyaka ka2023, uMzantsi Afrika wavula ityala ngakwlizwe lakwaSirayeli kwiNkundla yeHlabathi yezoBulungisa (ICJ) malunga nokuziphatha kweli lizwe eGaza okwakhokelela ekubulaweni kwabantu abaninzi kumlo ophakathi kwamaSirayeli kunye neqela labavukeli lasePalestina iHamas.
Ngelixa, umzukulwana wowayesakuba nguMongameli uNelson Mandela ongasekhoyo, uMandla Mandela, wayengomnye wamatshantliziyo abanjwa enqanaweni ebizwa ngokuba yiGSF Flotilla besendleleni eya eGaza ukuya kunika uncedo ebantwini kwinyanga yeDwarha kulo nyaka. UMandla nabanye babanjwa ngamapolisa omkhosi wakwaSirayeli baza bakhululwa kamva.
"Singathanda ukuba abantu abafana noCyril Ramaphosa noMandla Mandela bangaqhubeki nokusasaza ulwazi olungeyonyani, kufuneka ngoku bazi ukuba kuqhubeka ntoni ngokumamela icala lamaSirayeli. Banyamezele eyona ntlungu," utshilo uKumkani uDalindyebo.
Le Kumkani yabaThembu ithe amaSirayeli ayenobubele ngendlela athe aziphindezela ngayo. "Ngenxa yamandla anawo uSirayeli, nokuba kusemkhosini okanye ngenye indlela, uye wayekelela kakhulu kwindlela aziphindezele ngayo. Kungenjalo indoda ekhohlakeleyo njengam ngeyivuthulule kwanto," utshilo.
Uqhube wathi abantu basePalestina banethamsanqa kwaye amaSirayeli angabantu abalungileyo. "Benze izinto ezintle hayi kuthi bemi boMzantsi Afrika kuphela kodwa amaAfrika afana nabantu baseZambia – abantu abadinga inkxaso."
"Yeyiphi inkokeli engazukwenza nto ngaphandle kokuhlala isonge izandla xa abantwana besifa zizikrelemnqa, ngabantu abafuna ilizwe licinge ukuba balwela injongo entle."
UKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo uchaze iHamas njengezikrelemnqa watsho esithi mabagwetywe.