Iindaba

Inkqubela sele yenziwe kuphando lokubulawa kwengqina leKomishini kaMadlanga, utsho uMasemola

Cwayita Nondula|Published

UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uNjengele Fannie Masemola, uthi amapolisa enza inkqubela kuphando olumalunga nokubulawa kwengqina leKomishini kaMadlanga.

Image: Oupa Mokoena / Independent Newspapers/IOL Graphics

UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uNjengele Fannie Masemola, uthi benza inkqubela kwityala lokubulawa kukaMarius Van Der Merwe okanye uWitness D njengoko wayesaziwa kwiKomishini kaMadlanga.

UMasemola ukuthethe oku ngethuba ebethetha noonondaba ngorhatya lwangoMvulo. Uqinisekisile ukuba amapolisa ngoku achonge abantu abathathu abayanyaniswa nesi sehlo kwaye bafumene imoto eAlexandra abakholelwa ukuba yasetyenziswa kuhlaselo.

"Siqinisekile ukuba siza kufumana iimpendulo njengoko amapolisa exakekile esenza umsebenzi wawo ekhangela abo babulala uVan Der Merwe.

"Ndingatsho ukuba uphando lusendleleni eyiyo. Amaqela kazwelonke nawezokhuseleko leKomishoni kaMadlanga adibene kwezi ntsuku zimbini okanye zintathu zidlulileyo ukuqulunqa isicwangciso sokuqinisa ukhuseleko lwamagosa namangqina anxulumene nale Komishini," utshilo uMasemola.

UMarius van der Merwe udutyulwe wabhubha eBrakpan ngokuhlwa kwangoLwesihlanu weveki ephelileyo, kodwa akukacaci ukuba ukudutyulwa kwakhe kuyanyaniswa nokuvela kwakhe kwiKomishini kaMadlanga ephanda urhwaphilizo kwinkqubo yezobulungisa okanye omnye umsebenzi wakhe kushishino lokhuseleko lwabucala.

UMasemola neqela labaphathi bamapolisa batyelele ikhaya losapho lakwaVan der Merwe ngoMvulo.