Iindaba

IMelika yenye yezinto eziza kuxoxwa kwindibano yeANC

Cwayita Nondula|Published

Amalungu eANC kwindibano yesihlanu yalo mbutho yeNGC eBirchwood Hotel & O.R Tambo Conference Centre eBoksburg.

Image: ANC / X

Ubudlelwane obubuthathaka phakathi koMzantsi Afrika neMelika buza kuba ngomnye wemiba exoxwa kwindibano yeANC (National General Council) yeentsuku eziliqela.

Le ndibano yalo mbutho yesihlanu neza kuthatha iintsuku ezine neqale ngoMvulo wale veki, iza kulandela umxholo othi, "Unyaka woHlaziyo: Ukwenza iANC ibe sisixhobo esisebenzayo sabantu sokufezekisa umbono woMqulu weNkululeko."

Ngenxa yemeko ekhoyo ngoku yobudlelwane phakathi kwala mazwe mabini, uMongameli waseMelika uDonald Trump uthethe esidlangalaleni wathi uMzantsi Afrika awumenywanga kwindibano yeG20 abaza kuyibamba eMiami, eFlorida kunyaka ozayo ngo2026.

UTrump norhulumente wakhe khange baye kwingqungquthela yeG20 ebibanjwe nguMzantsi Afrika eGoli ngeentsuku zokugqibela zenyanga yeNkanga.

Izizathu zikaTrump zezokuba urhulumente woMzantsi Afrika akafuni kuvuma ukuba amaBhulu ayabulawa kwaye athathelwa imihlaba yawo – zonke ezi zizathu zisekelwe kulwazi olungachanekanga nothe urhulumente woMzantsi Afrika wazama izihlandlo ezininzi ukumlungisa kodwa yonke loo migudu yabo ifikelela kwiindlebe ezingevayo.

Inkokeli yeANC, uSupra Mahumapelo, ethetha neSABC uthe: "Okokuqala eAfrika, uMzantsi Afrika ubambe iG20 ebiyimpumelelo. Njengelinye lamazwe aseke iG20, kukho iinkxalabo malunga nokuziphatha kweMelika malunga nenxaxheba yethu eqhubekayo kwiG20.

"Ke, ezo zezinye zezinto esiza kuzixoxa. Uqoqosho, ubudlelwane bamazwe ngamazwe, ukwakhiwa kombutho, ubudlelwane neSACP ngoku eza kuzimela kunyulo loorhulumente basekhaya," utshilo uMahumapelo.

UMahumapelo uqhube wathi iMelika mayinganyanzeli uMzantsi Afrika. "Silizwe elizimeleyo. Simisela eyethu imbono nalapho simi khona kwimiba yezopolitiko," utshilo.

UMahumapelo uthe uMzantsi Afrika awunyanzeli iMelika ukuba kufuneka ibe yintoni imbono yabo kuwo nawuphi na umba. "Asicingi ukuba naliphi na ilizwe elibandakanya iMelika kufuneka limisele naliphi na elinye ilizwe ukuba kwenzeke ntoni kwezopolitiko zaloo ndawo," utshilo.