UMiss South Africa uQhawekazi Mazaleni kunye noSodolophu womasipala waseMbhashe uGqirha Samkelo Janda.
Image: Mbhashe Local Municipality
UMiss South Africa walo nyaka, uQhawekazi Mazaleni, wamkelwe eMpuma Koloni kule mpelaveki idlulileyo nalapho ebebhiyozelwa emva kokuba ephephezelise iflegi yeli phondo kowona msitho mkhulu woonobuhle kweli lizwe.
Uqale wabeka unyawo kwisikhululo seenqwelomoya saseMthatha nalapho amkelwe khona ngabantu, kuquka neentatheli, ngoLwesihlanu weveki ephelileyo phambi komsitho wakhe obungoMgqibelo kule mpelaveki idlulileyo kudederhu lweevenkile iMbhashe LG Mall eDutywa neyidolophu wazalelwa khona.
Uye wamkelwa ngezandla ezishushu ngabantu baseDutywa. Phakathi kwabo bebeye kubhiyozela lo Miss South Africa nguSodolophu womasipala waseMbhashe, uGqirha Samkelo Janda, uSomlomo webhunga lomasipala waseMbhashe, uBabalwa Majavu, amalungu osapho lakwaMazaleni kwakunye nooceba.
Esamkela abantu kulo msitho, uSodolophu uGqirha Janda uthe: "Ndiyanamkela nonke apha nizovuyisana nomntwana wethu. Siyazingca ngokuba nomntu waseMbhashe onguMiss South Africa.
"Akasenguye umntwana wethu sodwa, ungumntu wehlabathi ngoku. Enkosi kubazali bakhe nootitshala ngokumkhulisa nokumxhasa. Kumnandi ukubona abantwana bethu bephumelela. Ndimnqwenelela okuhle kodwa."
Ebulela abantu abamenze waziva amkeleke nothando alufumeneyo, uQhawekazi uthe uthwele amathemba namaphupha abantu abaninzi. "Njengengcali yokunyanga intetho (speech therapist), ndinceda abantwana abanoluphazamiseko (autism), imeko edla ngokungaqondwa kakuhle," utshilo.
Uthe ufuna ukwenza umahluko kungoko epapashe incwadi ethi, Amasele Amdaka, kwaye sele eyibona indlela ebanceda ngayo abantwana.
"UMiss South Africa usinika iqonga lokwenza inguqu yokwenyani. Intliziyo yam izele ukuba lapha kunye nani. Ndiyabulela kuSodolophu, kodwa okona kubaluleke kakhulu, ndibulela kubahlali, kuba ngendingekho apha namhlanje ngaphandle kwenkxaso yenu," utshilo uQhawekazi.
UMiss South Africa uQhawekazi Mazaleni kunye noSodolophu womasipala ombaxa waseBuffalo City uPrincess Faku.
Image: BCMM
Ngosuku olulandelayo ngeCawe, ebezimase omnye umsitho kwidolophu akhulele kuyo iMonti. Umsitho wakhe ububanjelwe eLeighandre Baby Lee Jegels Recreational Park, eQuigney, eMonti.
"Ubukho bakho kunye nathi namhlanje bumele ngaphezulu kunobabalo nobuhle. Ngumbhiyozo onamandla wokugqwesa, ukuxhotyiswa kolutsha, kunye nobunkokeli obunenjongo," utshilo uSodolophu womasipala ombaxa waseBuffalo City (BCMM) uPrincess Faku.
UFaku ukwathe iBCMM inebhongo kakhulu ngokuba noMiss South Africa omele umasipala kwiqonga elikhulu loonobuhle.
Ukwakhuthaze uQhawekazi ukuba ayiphakamisele phezulu iflegi kwaye wambulela ngokungazenzisiyo ngenkxaso yakhe nokumela abantwana abakhubazekileyo. "Sizibophelele ekwakheni uluntu apho wonke umntwana ubalulekile, apho ilizwi ngalinye liviwa, nalapho kungekho bani ushiyekayo. Oku kuzibophelela kubonakala ngokukodwa kwindlela esikhathalela ngayo nesixhasa ngayo abantwana abaphila noluphazamiseko (autism)," utshilo uFaku.
USodolophu waseBCMM uqukumbele intetho yakhe ngokubulela uQhawekazi ngotyelelo lwakhe.
"Siyakwamkela ngezandla ezishushu. Siyathemba ukuba utyelelo lwakho luya kuba nentsingiselo, lukhuthaze, kwaye lukhumbuleke, futhi sinethemba lokuba luya komeleza ngakumbi ukuzinikela kwethu ekuxhobiseni uluntu lwethu, ngakumbi abantwana bethu abalikamva lesi sizwe," utshilo uSodolophu Faku.