Limiselwe unyaka ozayo u2026 ityala lokuqhekezwa kwefama kaMongameli Cyril Ramaphosa iPhala Phala.
Image: SABC
Limiselwe unyaka ozayo ka2026 ityala lokuqhekezwa kwefama kaMongameli Cyril Ramaphosa iPhala Phala.
Oku kuza emva kokuba umtyholwa wesithathu kweli tyala, uNdilinasho Joseph, engakhange avele kwinkundla yengingqi yaseModimolle ngentsasa yangoMvulo eLimpopo emva kokutyholwa ngokuthiwa uyagula.
Aba bantu bathathu batyholwa ngokuqhekeza ifama kaMongameli Cyril Ramaphosa baze baba imali engaphaya kwamakhulu amahlanu amawaka eedola ($580 000).
UImmanuela David, uFloriana Joseph nobhuti wakhe uNdilinasho Joseph batyholwa ngokuba le mali, ekuthiwe yayifihlwe esofeni ngenyanga yoMdumba ka2020.
UDavid kunye nabakwaJoseph bajongene nezityholo zokuqhekeza, ubusela, kunye nokuxhaphaza imali ngokungekho mthethweni emva kokuba betyholwa ngokuba le malo ($580 000) kwifama kaMongameli Cyril Ramaphosa iPhala Phala.
Umantyi uPeter Manthata ulihlehlisele kunyaka ozayo, umhla we13 kweyoMqungu 2026 eli tyala.