Iindaba

Kuchithwe izigidi koogandaganda bokulungisa iindlela yiKing Sabata Dalindyebo Municipality

Pedro Mapelo|Published

Ooceba baseKing Sabata Dalindyebo Local Municipality ngethuba kufika iimoto ezithengiweyo.

Image: KSD

Kungekudala, iindlela ezimbi ziza kuba yinto yezolo eKing Sabata Dalindyebo Local Municipality (KSD). Oku kucace emva kokuba umasipala ethenge inqwaba yeemoto noogandaganda abatsha kraca. Iimoto ziza kuncedisa kuhanjiso leenkonzo eMthatha naseMqanduli.

Kanti bona oogandaganda baza kulungisa iindlela ezimoshakeleyo njengokuba kungene ixesha lokuna kweemvula ezinkulu. Iqikelelwa kumashumi asixhenxe anesihlanu ezigidi zeerandi (R75-million) imali esetyenzisiweyo kwizixhobo ezitsha eziza kuhlangabezana neengxaki zabantu, ngakumbi ezilalini.

Ukufika koogandaganda abatsha kuthetha ukuthi iindlela ezonakeleyo ezilalini ziza kulungiswa ngokukhawuleza. UMthatha noMqanduli ziindawo ezineelali ezingenazo kakuhle iindlela ezisemgangathweni ophezulu.

"Asinanto ezaneleyo - kodwa sikwazile ukufumana ezi moto. Sizithengele ukuze zisincedise ekuphuculeni ukusiwa kweenkonzo ebantwini. Siza kuzisebenzisa kwicala lokhuseleko, ukucocwa kweedolophi nokulungisa iindlela ezonakeleyo," utshilo uNyaniso Nelani ethetha neSABC News kutshanje.

UMthatha uneelali ezikhe zadlakazwa ziimvuma ezishiye idemesha engenambaliso ezine ebusika kulo nyaka. Kwaye kwasweleka abantu abangaphaya kwekhulu, kwatshabalala izindlu zabantu, konakala iibhulorho ngenxa yezikhukhula ezantlitha iindawo eziliqela kwiphondo laseMpuma Koloni.

Kanti kwelinye icala, uMthatha useyenye yeendawo ezingacocekanga - kodwa ezibalulekileyo kuqoqosho laseMpuma Koloni ngenxa yenani eliphezulu labantu abasebenza nabenza ushishino kuyo.

Njengokuba kusondela ulonyulo loomasipala, iKing Sabata Dalindyebo yenye yeendawo ekuza kukhutshiswana ngayo kakhulu ngamaqela ezopolitiko. Isoloko ingundabamlonyeni ngenxa yokuqhwalela kweenkonzo zoluntu. Umasipala waseKSD uphazanyiswa kakhulu lulwaphulomthetho oluxakileyo ezilokishini nasezilalini.