USodolophu womasipala waseMbhashe uGqirha Samkelo Janda, kutsha nje uthweswe isidanga sobugqirha.
Image: Uthunyelwe
USodolophu woMasipala waseMbhashe, uGqirha Samkelo Janda, kutshanje uthweswe isidanga sobugqirha kulawulo loluntu (Public Administration) kwiYunivesithi yaseNelson Mandela.
Umsitho wothweso zidanga ububanjwe ngoLwesibini wale veki, nalapho amakhulu abantu bebethweswe izidanga kule Yunivesithi.
Kuthiwa uphando lwesidanga sikaGqr. Janda lugxile ekongameleni nasekuphenduleni koomasipala basekuhlaleni, esebenzisa ithiyori yeprincipal-agent ukuze aqonde uxanduva lwamagosa anyuliweyo ekomelezeni ulawulo.
UMongameli weSouth African Local Government Association (SALGA), uBheke Stofile, unike imbeko kuGqr. Janda okwanguSihlalo weSALGA weQela eliSebenzayo loLawulo noBudlelwane phakathi kooRhulumente.
"Ukuzinikela kwakhe ekugqweseni ezifundweni nakubunkokeli ngumzekelo wento esiyithethayo xa sisithi sakha inkqubo yolawulo lwasemakhaya olunesakhono, olulungele ikamva.
"Impumelelo yakhe ime njengenkuthazo kwinkitha yabanye ooceba kunye namagosa kurhulumente wasemakhaya athe azibophelele ekuthatheni ithuba lokuzixhobisa ukuze asebenze ngcono," utshilo uStofile.
Lo mbutho woomasipala sele unooceba abangaphezu kwamawaka amabini (2400) asele beqeqeshiwe kwiinkqubo zokuxhobisa ngolwazi ezicwangcisiweyo ezigxile kulawulo nezakhono zobunkokeli ukomeleza ulongamelo lukamasipala, ulawulo lwemali kunye nokuthotyelwa kwemigaqo ukuze kuphuculwe ukuphendula futhi namaqonga okufunda koogxa babo ukuze babelane ngezona ndlela zingcono zokusebenza nezisombululo ezitsha, phakathi kwezinye iinzame zokungenelela.
UMasipala waseMbhashe uvuyisane noGqr. Janda ngokufumana isidanga sakhe sobugqirha. "Impumelelo yamva nje yemfundo kaGqr. Samkelo Janda yenza ukuba uhambo lwakhe lwezemfundo lube loluchulumancisayo oluphawulwa kukuzinikela okungaguquguqukiyo kulawulo olugqwesileyo, ukusungula izinto ezintsha kwicandelo likarhulumente nobunkokeli obugxile kuphuhliso," utshilo uMasipala.
Uhambo lukaGqr. Janda luqale kwezemfundo apho ebengumncedisi katitshala emva koko waba yinqununu yesikolo ekuhambeni kwexesha wasebenza kwiSebe lezeMfundo, iMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko njengesekela lengcali kwezemfundo egxile kwimicimbi yolutsha – ngokutsho kukaMasipala.
USodolophu woMasipala wesithili saseAmathole, uAnele Ntsangani, ngomnye wabantu abathe bavuyisana nalo Sodolophu. "Le mpumelelo ayiyompumelelo yobuqu kuphela kodwa yongeza ixabiso lobuchule kusapho lonke loomasipala baseAmathole. Ukuzinikezela kwakho kwimfundo eqhubekayo, ukugqwesa, kunye nobunkokeli obukhonzayo kubeka umlinganiselo onamandla kuthi sonke esizibophelele ekuqhubeni uphuhliso oluzinzileyo kunye nolawulo oluphendulayo kwisithili sethu sonke," utshilo uNtsangani.