Iindaba

Kukhangelwa ongene wabulala ixhegwazana lilele eXhongorha

Cwayita Nondula|Published

Amapolisa aseBityi akhangela umrhanelwa odubule wabulala ixhegokazi.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Amapolisa aseBityi acela nabani na onokuba nolwazi olunokukhokelela ekubanjweni komenzi wobubi obandakanyeka ekubulaweni kwexhegwazana, 74, elidutyulwe labulawa kwikhaya lalo eXhongorha, eMthatha, kule veki.

Esi sehlo senzeke ngoLwesithathu, umhla wesithathu kweyoMnga, malunga necala emva kwentsimbi yesibhozo ebusuku.

Ngokwengxelo yamapolisa, kutyholwa ukuba ixhoba elisele likhulile lalilele kurontawuli walo kunye nentombi yalo nabazukulwana abathathu ngethuba indoda engaziwayo ingena kweli khaya.

"Engakhange athethe, umrhanelwa wadubula kuphela ixhegokazi elinamashumi asixhenxe anesine ubudala phambi kokuba abaleke kwindawo yexhwayelo," itshilo ingxelo.

Onolwazi onokuthi ancede kuphando uyabongozwa ukuba aqhagamshelane neNtloko yabacuphi kwisikhululo samapolisa saseBityi, uD/Warrant Officer M. Mlilo ku082 302 7789 okanye ku083 688 6571, okanye atsalele inombolo yeCrime Stop ku08600 10111, okanye anike ingxelo kwisikhululo samapolisa esikufutshane. Abafowunayo banokuhlala bengaziwa.