USekela Ntloko weSebe lamaPolisa kuMasipala waseKurhuleni uJulius Mkhwanazi onqunyanyisiweyo enika ubungqina bakhe kwiKomishoni yakwaMadlanga.
Image: Oupa Mokoena/Independent Newspapers
USekela Ntloko weSebe lamaPolisa kuMasipala waseKurhuleni (EMPD) onqunyanyisiweyo, uJulius Mkhwanazi, ubanga ngelithi ileta yango2021 yesigunyaziso eyasetyenziswa ngusomashishini uVusimuzi “Cat” Matlala yayiyileta yomgunyathi.
UMkhwanazi ebevele kwiKomishini kaMadlanga nalapho ebenika ubungqina bakhe ngoLwesithathu ebile ethe xhopho egongqoza namanzi.
Le leta yabanga ukuba inkampani yokhuseleko yabucala kaMatlala, iCat VIP Protection, "inobudlelwane obungapheliyo bokusebenzisana neEMPD."
UMatlala, ojongene nezityholo zokuzama ukubulala nokwabandakanyeka kuphango lwesibhedlele saseTembisa, unikezele ngeenkonzo zokhuseleko kwiEMPD esebenzisa inkampani yakhe yokhuseleko.
Le leta idwelise iinkcukacha zobhaliso lwezithuthi ezisixhenxe eziphantsi kukaMatlala, isithi zisetyenziswe ukuncedisana namapolisa kaMasipala.
Kodwa uMkhwanazi uyakukhanyela ukuba wasayina le leta, uxelele iKomishini kaMadlanga ukuba isiginitsha yakhe yenziwe ngomgunyathi.
UMkhwanazi uyavuma ukuba uye wasayina isivumelwano sokusebenzisana (MOU) neenkampani ezimbini zikaMatlala, kodwa uthi ileta yesigunyaziso ebeyisebenzisa uMatlala ukuphepha umthetho ayizange ibenomsayino wakhe kwaye ibubuxoki.
Zombini iileta zesigunyaziso kunye nezi zivumelwano zabhalwa kwaye zasayinwa ngenyanga yeDwarha ngo2021.
Kodwa uMkhwanazi uyakuphikisa ukuba semthethweni kwale leta uMatlala wayeyisebenzisa.
"Ndiphikisana nayo. Ayiyosiginitsha yam le. Isiginitsha yam inoJ omkhulu noD, kodwa le? Hayi. Kwaye ndiyifumene kumakhasi onxibelelwano," uxelele iKomishini uMkhwanazi.
UMkhwanazi uthi nangona esayine izivumelwano neenkampani zikaMatlala, azizange zamkelwe ngokusemthethweni yiEMPD.
UMkhwanazi uza kuqhubeka nobungqina bakhe namhlanje.