Iindaba

Isizini yolwaluko isaqala sekubhubhe abakhwetha abahlanu eMpuma Koloni

Pedro Mapelo|Published

UMnu. Zolile Williams nguMphathiswa wakwaCogta kwiphondo leMpuma Koloni.

Image: Cogta

Emva kweeveki ezimbini kuqale isizini yolwaluko, abakhwetha abahlanu sebephulukene nemiphefumlo yabo. Oku kubhengezwe liSebe likaCogta elikhokelwa nguMphathiswa uZolile Williams ngentsasa yanamhlanje.

Ingxelo ebhaliweyo ithe mnye umkhwetha osweleke eBuffalo City, babini eChris Hani District babe babini naseO.R.Tambo District. Omnye eChris Hani kuthiwe uzixhomile. Kanti kwelinye icala, ngamashumi amabini ananye abantu ababanjiweyo ngenxa yamabhoma angekho semthethweni kwiphondo leMpuma Koloni.

"Siliqhwabela izandla inyathelo elithathwe ngamapolisa abambe abantu abophula umthetho abaquka abazali abangathobeli umthetho," utshilo uWilliams kwingxelo ebhaliweyo namhlanje. Sekulithuba elide kakhulu iMpuma Koloni ibhujelwa ngabakhwetha.

URhulumente uwenzile amaphulo akhuthaza ukulandelwa komthetho - kodwa basebaninzi abantu abawutyeshelayo. Indlu yeeNkosi ephondweni ivakalise ukungonwabi kwayo emva kwenani elixeliweyo lokulahleka kwemiphefumlo kungekho sidingo.

"Amapolisa makaphande okwenzekileyo ukuze abazali bakwazi okwenzekileyo kuze kubhubhe abantwana babo.

"Kuyadanisa ukusweleka kwabakhwetha emva kokwenza iintlanganiso esifundise kuzo iingcibi namakhankatha ngokhuseleko esuthwini," utshilo uNkosi Gwadiso, owongeze ngelithi iqela elihlola amabhoma lingatyhafiswa ziziganeko ezenzekileyo.

"Sithumela amazwi ovelwano kuwo onke amakhaya abhujelwe ngabakhwetha," utshilo uNkosi Gwadiso kwingxelo ebhaliweyo ekhutshwe liSebe likaCogta namhlanje.