Iinkomo ezibiweyo ezifunyenwe ngamapolisa.
Image: SAPS
Kule veki amapolisa aseOR Tambo afumene iinkomo ezilishumi elinanye ezibiweyo eCaba, eDetyana.
Amapolisa aseOR Tambo ajongene nothintelo lokubiwa kwemfuyo, igqiza lakuQumbu elijongene nokubiwa kwemfuyo kunye namalungu eSulenkama Vispol afumene ulwazi athe alulandela aze azifumana ezo nkomo ngoLwesibini wale veki malunga nentsimbi yesibhozo ebusuku, ngokwengxelo yamapolisa aseMpuma Koloni.
Kuthiwa abarhanelwa baye babaleka kwindawo yexhwayelo baze bashiya isithuthi ebebesisebenzisa ukulayisha iinkomo. Ezi nkomo zilishumi elinanye kutyholwa ukuba zabiwa kwingingqi yaseMdeni kwaye zisiwe kwindawo kaMasipala wakuQumbu apho kugcinwa khona izilwanyana ukuze igcinwe ngokukhuselekileyo.
Isithuthi siye sathinjwa kwaye uphando olongezelelweyo luyaqhutywa.