Iindaba

Yonwaba, khenketha ephondweni lakho, itsho iECPTA!

Pedro Mapelo|Published

UMnu. Vuyani Dayimani yiNgqonyela yeTourism Agency kwiphondo leMpuma Koloni.

Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa

Ivulwe ngokusesikweni isizini yokhenketho eMpuma Koloni. Oku kwenziwe nguMnu. Mlungisi Mvoko, onguMphathiswa weZimali ephondweni, obe sisithethi esiphambili emsithweni obuseMorgan's Bay Hotel, kwindawo ekuthiwa kukwaGxarha.

Njengokuba ilizwe lingene kwinyanga yokuphumla, yeziyunguma, imicimbi yesiNtu nezinye iindlela zolonwabo - zonke izithethi zitsho ngazwinye ukuba iMpuma Koloni inayo zonke izinto ezifunwa ngabakhenkethi. Kukhwazwe kakhulu abantu baseMpuma Koloni ukuba bachithe imali yabo ephondweni labo ukuze balazi ngcono kukhule noqoqosho.

Ingqonyela yeArhente yokhenketho, iEastern Cape Parks and Tourism Agency (ECPTA), uVuyani Dayimani, ixelele I'solezwe lesiXhosa ukuba iphondo likulungele ukwamkela abakhenkethi balapha ekhaya nabasuka kwezinye iindawo.

"URhulumente ulibeke phambili ukhenketho njengendlela yokutyhala uqoqosho. Oku ukwenza ngoba ukhenketho yeyona nto engaxabisi imali kakhulu kubantu abafuna ukwenza ushishino," utshilo uDayimani emcimbini obuzinyaswe ngoosomashishini kwicandelo lezokhenketho. Ubalule ezona zinto eziyenza yahluke iMpuma Koloni kwezinye iindawo.

"Abantu namashishini amancinane angangena lula kushishino lokhenketho ngoba aludingi imali eninzi. Kodwa okubaluleke kakhulu bubutyebi iphondo elinabo xa kuthethwa ngokhenketho ngoba yinto efikeleleka emntwini wonke. IMpuma Koloni ityebile kwicala lokhenketho kakhulu," utshilo.

"Ukuba uthetha ngolwandle, ukulunga kwalo, ukufikelela kulo ulwandle - ezo zizinto eziphambili kuthi. Enye into abantu abayithandayo kukubona izilwanyana ezigcinwe kumaziko akhethekileyo. IMpuma Koloni iphinde ityebe ngenxa yembali enayo neendawo ezingamafa emveli.

"Eyona nto esiyithanda ukuyidelela ngamabali asuka kubantu baseMpuma Koloni. Into esiyivayo thina kukuba abakhenkethi bafuna amabali ukuze bakwazi ukubaqonda ngcono abantu bezo ndawo batyelele kuzo. Abakhenkethi banxanelwe ukufunda ngabantu ngoba kwenzeka lo nto kwihlabathi lonke.

"Ingulowo umntu ufuna ukwazi ukuba uphila njani omnye umntu. Lo nto yenza kubelula ukukhulisa uqoqosho labantu abazanayo. Akukho umntu ofuna ukutyala imali kwindawo angayaziyo," utshilo uDayimani.

Iindawo ezenza ingeniso kwiintsuku zikaxakeka zezokulala, ezithengisa ukutya, ezithengisa impahla yesiNtu, ezithengisa amafutha eemoto nezinye. Amapolisa aqinisekisile ukuba ukhuselo iza kuba yinto ephambili kude kuphele isizini.

"Abakhenkethi abasafuni ukuvalelwa ezihotele. Bafuna ukunxibelelana nabantu ngoba bafuna ukwazi indlela abaphila ngayo. Ukuze yenzeke lo nto kufuneka sibengabantu abakwaziyo ukwamkela abantu ngobubele, sibafundise ngephondo lethu ukuze nabanye abantu bafune ukuzozibonela," uvale ngaloo mazwi uDayimani.