Iindaba

Isikolo saseMotherwell sifumene iziko lombane welanga

Cwayita Nondula|Published

Evula iziko elenziwe ngekhonteyina, inqununu uYoliswa Mfazwe ubulele uEngen ngokutyala kwikamva labantwana besi sikolo.

Image: Uthunyelwe

Isikolo saseMotherwell, eGqeberha, iElundini Primary School, kutshanje sifumene iziko elitsha lokufunda elisebenza ngamandla elanga elinikezelwe yiEngen ukuqinisekisa ukuba kusoloko kukho umbane xa kufundiswa.

IEngen ikwazile ukwenza lo mnikelo ngenxa yobudlelwane bayo bexesha elide neMark Headbush Foundation (MHF). Esi sikolo sesinye sezikolo ezimbalwa eMpuma Koloni ezifundisa iRobotics njengenxalenye yezifundo zayo, nto leyo eyenza umbane osebenza oko ubaluleke kakhulu ekuqhubeni izixhobo ezisetyenziswa kwiRobotics.

Iziko le15kW elisebenzisa amandla elanga – eliyilelwe laze lanikezelwa yiEngen Business & Energy Solutions (EBES) kwaye laphunyezwa liqela leEBES leenjineli – libonelela isikolo ngombane ukuxhasa izifundo zeRobotics neSTEM. Njengesisombululo sombane esizimeleyo esixhotyiswe ngesixhobo seUPS, eli ziko lekhonteyina liqinisekisa umbane ongaphazanyiswayo ukuqinisekisa ukuba ukufundisa nokufunda okwenziwa ngaphakathi kuyo kuhamba kakuhle.

Inqununu yesi sikolo, uYoliswa Mfazwe, uyibulele iEngen ngokutyala kwikamva labantwana besi sikolo nokomeleza umgangatho wemfundo kwesi sikolo.

"IElundini Primary sesinye sezikolo ezimbalwa eMpuma Koloni ezifundisa iRobotics njengenxalenye yezifundo zayo, nto leyo eyenza umbane osebenza oko ubaluleke kakhulu ukuqhuba izixhobo ezisetyenziswayo, izixhobo zokubhala iikhowudi, izixhobo zobuchwepheshe nezinye izixhobo zokufunda zeSTEM," utshilo uMfazwe.

Isikolo samabanga aphantsi iElundini sifumene iziko elitsha lokufunda elisebenza ngamandla elanga elinikezelwe yiEngen.

Image: Uthunyelwe

UManejala weCSI kwaEngen, uOlwethu Mdabula, uthe umbane othembekileyo ngundoqo kwimfundo yale mihla.

"Ngokubonelela ngeziko elisebenza ngamandla elanga elizinikele kwizifundo zeRobotics neSTEM, sinceda ekuvuleni amathuba okuba abafundi baphumelele kwizifundo eziqhutywa ngobuchwepheshe. Lo mnikelo uxhasa uphuhliso oluzinzileyo nefuthe elibonakalayo kwezemfundo," utshilo uMdabula.

INtloko yeEBES, uKevin Singh, uthe le nkqubo esebenzisa umbane welanga ifanelekile kwaye yenzelwe iindawo ekufundelwa kuzo. "Ngenxa yokuba izimele ngokupheleleyo, iziko lamandla elanga liqinisekisa umbane ongaphazamisekiyo kwindawo esebenza kuyo, inikezela ngeqonga elizinzileyo leRobotics nokufunda iSTEM, nangexesha lokucima kombane," utshilo uSingh.

Ukubandakanyeka kukaEngen kwisikolo samabanga aphantsi iElundini kusekelwe kwintsebenziswano yeminyaka elishumi neMHF, neqhube uphuculo olukhulu kwimfundo yabasaqalayo kwiNelson Mandela Bay iphela, itshilo le nkampani yamafutha.

Njengenxalenye yenkqubo kazwelonke yeEngen ekhulayo yombane welanga, amaphulo afana nala okwazisa umbane welanga sele enzeka kwizikolo ezifana neWentworth Secondary School KwaZulu-Natal kunye neMarikana North High School eMntla Ntshona.

Kuthiwa intsebenziswano [phakathi kweEngen neMHF] sele inegalelo ekunyuseni imali engaphaya kwezigidi ezihlanu zeerandi ukuphucula imfundo yabantwana abasaqalayo nemfundo esisiseko kulo mmandla, ukuxhasa uphuculo lweziseko ezingundoqo, izixhobo zokufunda, nezixhobo zobuchwepheshe.