Iindaba

Abantu bayalumkiswa ngomyalezo ongeyonyani okhala ngesibonelelo esitsha

Cwayita Nondula|Published

ISebe loPhuhliso loLuntu lilumkisa abantu ngomyalezo wobuxoki omalunga nesibonelelo esitsha.

Image: Sassa / Facebook

ISebe lezoPhuhliso loLuntu (DSD) lilumkisa uluntu ukuba luwuthathele ingqalelo umyalezo wobuxoki ojikeleza kumakhasi onxibelelwano obanga ngelithi uMongameli uCyril Ramaphosa uyalele uMphathiswa weli Sebe, uNokuzola Sisisi Tolashe, ukuba avule ubhaliso ukuze abantu bafake izicelo zesibonelelo seNational Family Support Allowance esixabisa iR1682 esifumaneka iinyanga ezintathu.

ISebe lizikhabile ezi ngxelo njengeendaba zobuxoki. Ethetha ngale nto, isithethi seli Sebe, uSandy Godlwana, uthe: "Akukho nkqubo injalo, akukho sibonelelo esitsha semali, kwaye akukho nkqubo yokubhalisa iNational Family Support Allowance."

"Umyalezo bubuqhophololo obuyilelwe ukulahlekisa uluntu kwaye oku kunokuba neenkcukacha zomntu ngokusebenzisa amakhonkco (links) obuqhophololo," utshilo uGodlwana.

ISebe likwagxininise ukuba zonke izibhengezo ezisemthethweni ngeenkqubo zeli Sebe zikhutshwa ngokuthe ngqo liSebe, amaqumrhu alo, iSouth African Social Security Agency (SASSA) neNational Development Agency (NDA), okanye ngamaqonga onxibelelwano kaRhulumente aqinisekisiweyo.

Uluntu luyabongozwa ukuba lungacofi amakhonkco akrokrisayo, lungakwabelani ngomyalezo ongeyonyani, kwaye lusoloko luqinisekisa ulwazi ngokundwendwela umnatha weDSD osemthethweni, amaqonga kaSASSA neNDA, amakhasi onxibelelwano kaRhulumente kunye nekhasi likaWhatsApp leDSD.

UGodlwana uthe iSebe lizibophelele ekunikezeleni ngolwazi oluthembekileyo noluchanekileyo kwaye ubongoza uluntu ukuba luncede ekunqandeni ukusasazeka kolwazi olungelulo.