Iindaba

Iinzame zikaZuma zokubhena ukuhlawula iR28.9 million kumbuso

Cwayita Nondula|Published

Owayesakuba nguMongameli uJacob Zuma uzama ukubhena umyalelo wokuba ahlawule iR28.9 million neyimali yeendleko zamagqwetha.

Image: Stringer

Owayesakuba nguMongameli uJacob Zuma uzama ukubhena umyalelo wokuba ahlawule iR28.9 million neyahlawula iindleko kumatyala ajongene nawo, ukuba akakwazi ukuyibuyisela le mali, kungathengiswa impahla yakhe ukuze kubuyiswe ezi zigidi zeerandi.

Ityala likaZuma, oyinkokeli yombutho ophikisayo iMK Party, belixoxwe kwinkundla ephakamileyo yaseGauteng ePitoli namhlanje ngoMvulo.

Igqwetha likaZuma, uThabani Masuku, umile ngelithi kutheni uZuma kufuneka ahlawule iR28.9 million neyimali yamagqwetha abucala, ngelixa engumntu omsulwa kweli tyala kwaye abona benzi bobubi ingamagosa karhulumente agunyazise ukuba kuhlawulwe le mali.

UMasuku uxelele iJaji uAnthony Millar ukuba wenze impazamo kwisigwebo sakhe xa ekhomba uZuma njengomntu onetyala.

Uthe isigwebo sikaJaji uMillar sasisekelwe kwizigwebo ezibini ezidlulileyo, ezithi imali kufuneka ihlawulwe kwingxowa kaRhulumente ngenxa yenkcitho engafanelekanga.

Ngethuba lisichasa esi sicelo, igqwetha likaMongameli namanye amasebe ombuso, uAdvocate George Avakoumides, ume ngelithi iinkundla zangaphambili zombini ziyibeke yacaca into yokuba le mali mayihlawulwe futhi uZuma unetyala.

Isibheno sikaZuma silandela isigwebo esafumanisa ukuba wayengenalungelo lokufumana inkxaso yezimali yokuhlawula ukuquqa kwakhe enkundleni nekuthiwa yimali yabantu abahlawula irhafu eyasetyenziswa kumatyala akhe kwaye wayalelwa ukuba ahlawule le mali inenzala.

INkundla ePhakamileyo yasePitoli isisigcinile isigwebo kwisicelo sowayesakuba nguMongameli sokubhena isigwebo esayalela ukuba ahlawule iR28.9 million neyimali eyahlawulwa ngumbuso kumatyala akhe awayewaquqela enkundleni.