UMongameli uCyril Ramaphosa ngethuba ebethetha nelizwe ngobusuku bangeCawe.
Image: Presidency
UMongameli uCyril Ramaphosa uqinisekise ukuba uMzantsi Afrika usengumhlobo omkhulu futhi ongagungqiyo wabantu baseMelika nangona kukho iingxaki noRhulumente waseMelika.
URamaphosa udize oku ngethuba ethetha nelizwe ngorhatya langeCawe kulandela ukusingatha ngempumelelo ingqungquthela yeG20 ebizinyaswe ziinkokeli zehlabathi eGoli kwiveki ephelileyo.
IMelika kuphela kwelizwe elikwiG20 elingakhange liyizimase ingqungquthela ebisingathwe nguMzantsi Afrika okokuqala kumhlaba waseAfrika.
"Kubi ngoba iMelika lelinye lamalungu awaseka iG20 futhi ikwa lilizwe elithatha isihlalo sokongamela iG20 kuMzantsi Afrika ngo2026. Ikhethe ukungathathi nxaxheba kwingqungquthela yeenkokeli zeG20 nakwiintlanganiso zokugqibela ezihlakulela yona (ingqungquthela)," utshilo uRamaphosa.
UMongameli waseMelika, uDonald Trump, uthe izizathu ezibangele iMelika ingezi kwiG20 ebiseMzantsi Afrika kukuba uRhulumente woMzantsi Afrika uyala ukuvuma ukubulawa kwamaBhulu nokuthathwa kwemihlaba yabo. Zonke ezi zityholo zisekelwe kumabango obuxoki athi uRhulumente woMzantsi Afrika wazama izihlandlo ezininzi ukuwalungisa, kodwa uTrump wakhaba ngawo omane.
Nangona kusenzeka konke oku, Ramaphosa uthe bayavuya benguRhulumente kuba imibutho emininzi, amashishini nabantu abasuka eMelika bathathe inxaxheba ngobuninzi kwiinkqubo ezinxulumene neG20, ezifana neBusiness 20 Summit neG20 Social Summit.
UMzantsi Afrika unike iMelika iintambo zokongamela iG20 kwiveki ephelileyo ePitoli. Nangona kunjalo, uTrump uthe uMzantsi Afrika awuzumenywa kwiG20 eza kube iseMiami, eFlorida, ngo2026.
"Waziphindaphinda iingxelo ezingeyonyani malunga nokubulawa kwabantu abangamaBhulu nokuhluthwa imihlaba yabantu abamhlophe kwilizwe lethu.
"Kufuneka sicacise ukuba uMzantsi Afrika lelinye lamalungu aseka iG20 ngoko ke ulilungu leG20. Siza kuqhubela phambili nokuthatha inxaxheba njengelungu elipheleleyo leG20," utshilo uRamaphosa.
Uthe nangona kukho imingeni nokungaqondi okuthe kwavela, uMzantsi Afrika usengumhlobo omkhulu nongagungqiyo wabantu baseMelika. "Sikhumbula umbutho omkhulu womanyano eMelika owathi wema ecaleni kwethu kumzabalazo wethu wentando yesininzi nenkululeko.
"Sikhumbula indlela uMqulu wamaLungelo kuMgaqosiseko waseMelika owasikhuthaza ngayo xa sasibhala umgaqosiseko wethu wentando yesininzi. Asibaniki nto abantu baseMelika ngaphandle kobubele kunye nobuhlobo."
URamaphosa ukuqinisekisile ukuzinikela kukaRhulumente ekuqhubekekeni ethethathethana noRhulumente waseMelika.
"Simxabisile uRhulumente waseMelika nabantu bayo njengeqabane. Sinomdla ofanayo, iinkqubo ezisemgangathweni ezifanayo kunye nomnqweno ekwabelwana ngawo wokuqhubela phambili impumelelo nentlalontle yabantu bamazwe wethu omabini," utshilo.
"Njengelizwe, siyayazi ukuba isigqibo esithathwe nguRhulumente waseMelika siphenjelelwe liphulo elityala ubuxoki elenziwa ngamaqela nabantu abangaphakathi kweli lizwe lethu, eMelika nakwezinye iindawo."
URamaphosa uthe abantu abasasaza ulwazi olungeyonyani babeka emngciphekweni ilizwe futhi bajongela phantsi iimfuno zelizwe, batshabalalisa imisebenzi yaseMzantsi Afrika, benza buthathaka ubudlelwane belizwe nelinye ilizwe elibalulekileyo.