Iindaba

UTrump uthi uMzantsi Afrika awamkelekanga kwiG20 eseMelika

Cwayita Nondula|Published

UMongameli waseMelika uDonald Trump uthi uMzantsi Afrika awamkelekanga kwiG20 eseMelika kunyaka ozayo.

Image: IOL Graphics

UMongameli waseMelika uDonald Trump ubhengeze ukuba uMzantsi Afrika awamkelekanga ukuya kwingqungquthela yeG20 eza kuba seMiami, eFlorida ngo2026 kwaye wathi yonke inkxasomali eseleyo efunyanwa nguMzantsi Afrika iza kurhoxiswa ngokukhawuleza.

Oku kuza emva kokuba iWashington ikhethe ukungayi kwindibano yeG20 eMzantsi Afrika ebibanjelwe eGoli kwimpelaveki ephelileyo, nalapho urhulumente woMzantsi Afrika athe wachaza ezi zenzo njengendlela yokubohlwaya.

Ebhala kwikhasi lakhe lonxibelelwano, iTruth Social, ngoLwesithathu, uTrump uthe uMzantsi Afrika uye wala ukunikezela ubumongameli beG20 kwigosa eliphezulu elisuka kwiofisi yozakuzo yaseMelika ebelizimase umsitho wokuvala ingqungquthela.

"Ngoko ke, ngokomyalelo wam, uMzantsi Afrika awuyi kufumana isimemo kwi2026 G20, eya kusingathwa kwisixeko esikhulu saseMiami, eFlorida kulo nyaka uzayo," utshilo uTrump.

Ekubeni iMelika ibingekho kule ngqungquthela, ubumongameli beG20 bunikezelwe kwigosa lozakuzo lwaseMelika kwikomkhulu leSebe lezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano eMzantsi Afrika.

UTrump uqhubekile nokuphinda abethelele izizathu zokuba kutheni iMelika ingayanga kwiG20 eMzantsi Afrika esithi kuba urhulumente woMzantsi Afrika uyala ukuvuma okanye ukujongana "noxhatshazo oloyikekayo" olunyamezelwa ngamaBhulu kwaye wathi uMzantsi Afrika awufanelanga ukuba yinxalenye yeG20. Oku kusemva kweenzame ezininzi zorhulumente woMzantsi Afrika zokuphikisa ezi zityholo zobuxoki athe uTrump wazikhaba ngawo omane.

Isithethi sikaMongameli uCyril Ramaphosa, uVincent Magwenya, uthe uMzantsi Afrika uza kuqhubeka nokuthatha inxaxheba njengelungu elipheleleyo leG20. "Sihlaba ikhwelo kumalungu eG20 ukuba aphinde aqinisekise ukusebenza kwawo okuqhubekekayo ngomoya womanyano lwamazwe ngamazwe, olusekelwe kwimvumelwano, apho onke amalungu athatha inxaxheba ngokulinganayo kuwo onke amaqumrhu ayo," utshilo uMagwenya.

UMagwenya uthe uMzantsi Afrika lilungu leG20 kwaye ubulungu bayo beG20 buxhomekeke kuwo onke amanye amalungu.

"UMzantsi Afrika lilizwe elizimele geqe elinomgaqosiseko wentando yesininzi kwaye alikuxabisi ukunyeliswa lelinye ilizwe malunga nobulungu balo kunye nokufaneleka kwalo ekuthatheni inxaxheba kumaqonga ehlabathi.

"UMzantsi Afrika uyabuhlonipha ulawulo lwamazwe onke kwaye awusoze unyelise okanye ujongele phantsi elinye ilizwe okanye ukuma nokufaneleka kwalo kuluntu lwezizwe ngezizwe."

UMagwenya uqhubeke wathi: "Okudanisayo kukuba nangona kwenziwe iinzame ezininzi nguMongameli uRamaphosa kunye norhulumente wakhe zokulungisa ubudlelwane bezozakuzo neMelika, uMongameli uTrump usaqhubeleka nokusebenzisa iindlela zokohlwaya uMzantsi Afrika ezisekelwe kulwazi olungelulo kunye nokugqwethwa izinto ngelizwe lethu."

Iinkokeli zeG20 zamkele isibhengezo sokujongana nengxaki yemozulu kunye neminye imingeni yehlabathi nangona iMelika yalile ukuya.