INkulumbuso yeMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane ethetha kumsitho wokuphehlelelwa ngokusesikweni iphulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu elichasene nobundlobongela obujoliswe kumanina nabantwana.
Image: ECOTP / Uthunyelwe
La ngamazwi athethwe yiNkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane ekuqaleni kwale veki ngethuba esungula ngokusesikweni iintsuku ezilishumi elinesithandathu zokulwa ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana kweli phondo.
Lo msitho wenzeke kwilali yaseNtibeni, eNgcobo. UMabuyane ubethelele ukuzimisela kukarhulumente wephondo ukulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini.
Uthe akukho nto ingako iyenziwayo ukufundisa amadoda ngobudoda bokwenyani. "Kwizizukulwana, uluntu lufundisa amantombazana ngokuzikhusela. Asenzanga ngokwaneleyo ukufundisa amakhwenkwe ukuba ngamadoda," utshilo.
UMabuyane uthe mabafundiswe ukuba ubudoda ayibobundlobongela, amandla kukuthamba, ubunkokeli luxanduva, uthando kukukhusela kwaye intlonipho ayixoxisi.
"Amakhaya ethu, izikolo zethu, iicawe zethu, esuthwini, amaqela ezemidlalo – zonke kufuneka zomeleze isifundo esinye sokuba indima yendoda kukukhulisa, ukukhusela nokuphakamisa, hayi ukonzakalisa."
Ubongoze abantu ukuba bamkele umgaqo wenkcubeko ye-'Letsema' okanye 'iLima' ememelela uluntu lusebenzisane ngokuzithandela ukusombulula ingxaki efanayo.
Umxholo walo nyaka wephulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu uthi Letsema neligama lesiSotho elithetha ukusebenza kunye ukufezekisa injongo ekwabelwana ngayo.
UMabuyane uthe eli phulo alikho malunga nomsitho kuphela. Imalunga nenyathelo. Inyathelo elidibanisa uluntu, elitshintsha isimo sengqondo, liphinde lakhe iintsapho ngokutsha, lixhobisa amaxhoba, lenze abenzi bobubi baphendule, kwaye libuyisele ubuntu.
"Ilali nganye, ilokishi nganye, isixeko ngasinye saseMpuma Koloni kufuneka sibe yindawo yokhuseleko," utshilo.
INkulumbuso yenze isibophelelo sayo phambi kwenginginya ebizimase lo msitho. "Asizukuphoxa amanina ethu. Asizukubaphoxa abantwana bethu. Asizukuphoxa abantu bethu. Kwaye siya kujongana nale ngxaki ngokunyaniseka, inkalipho kunye nenyathelo eliqinisekileyo," utshilo.